ISebe lezoThutho
MTHUNYWA OBEKEKILEYO
Yimbali le namhlanje eMzantsi Afrika apho uza kuxhotyiswa ngendlela ecwangcisiweyo ngomthetho ochaphazela ishishini lezothutho.
Lo mthetho ujolise kwiinjongo ezininzi:
i Uchaza amalungelo akho namalungelo abanye abantu.
ii Ukukhusela kwabo bangathanda ukuwusebenzisa umthetho ngendlela engeyiyo bekuchasa.
iii Ukwenza ukwazi ukuthatha inxaxheba nokuxhamla amathuba akhoyo kwishishini.
Kuyonwabisa ukwazi ukuba umthetho awufuni buchule bubodwa, kodwa nje, ufuna ulwazi oluqhelekileyo, ukusebenzisa ingqondo ekuzikiseni ukucinga, nengqondo nje yemveli, kwaye ke sonke sinazo ezo zinto.
Siyakukhuthaza ukuba uzinikele ngokupheleleyo kwaye ubuze imibuzo emininzi kangangoko ufuna kwaye siya kukunceda kangangoko sinakho.
Nceda yonwabele le ndibano yokufundisana
Ozithobileyo
ISIQULATHO:
iphepha
Ileta yolwamkelo
I-ajenda
UMthetho weNguqulelo kuThutho lweNdlela lukaZwelonke (NLTTA)
Isihlomelo A : Iinkcukacha ngezithuthi ezitsha ezizitekisi
Imodyuli 2 ? UMthetho woThutho lwePhondo
Imodyuli 3 - UMthetho weNdlela kaZwelonke wezihamba-ndlela
Imodyuli 4 ? Ingxowa-mali yengozi yendlela namalinge okhuseleko
Ingxowa-mali yengozi yendlela
Imodyuli 5 ? Umgaqo-siseko weShishini leeTekisi - Umgaqo-siseko osemgangathweni woMbutho weeTekisi - Umgaqo-siseko weBhunga likaZwelonke loMzantsi Afrika loMbutho weeTekisi (SANTACO)
Imodyuli 6 ? Inkqubo-sakhelo kaZwelonke yeZifundo eZiphunyelelweyo
Imodyuli 7 ? IGunya loMzantsi Afrika leZifundo Eziphunyelelweyo (SAQA)
UMthetho weGunya loMzantsi Afrika leZifundo Eziphunyelelweyo
IModyuli 8 ? UMthetho woPhuhliso lweZakhono &
UMthetho weeRhafu zeZakhono
IMODYULI 1
UMthetho weNguqulelo kuThutho lweNdlela lukaZwelonke
Isiphumo : Abafundi baya kubonisa ukuwuqonda uMthetho weNguqulelo kuThutho lweNdlela lukaZwelonke nemiphumela yawo kwishishini leetekisi
I-NLTTA Ishishini leetekisi, uthutho lwethu, ibhongo lethu
Kukho intetho ethi ngenye yeelwimi zesiNtu ?Ntwa ga e age motse?. Amava ethu kwishishini leetekisi ayakungqina oku kuthethwa sesi saci. Phambi korhulumente wentando yesininzi, abantu abaninzi kwishishini leetekisi bahlangana nongquzulwano olungathethekiyo, olwazala ukufa kwabantu nokwenzakala kwabaqhubi beetekisi nabahambi ngokunjalo. Olu ngquzulwano nokulwa zizinto ezazibangelwa kukungavisisani phakathi kwabantu bonke kwishishini ngokubhekiselele kwiindlela emazihambe kuzo iitekisi, amaxabiso, njalo njalo.
Ukulwa olu ngquzulwano lungafunekiyo kwishishini elilelabantu abamnyama elikwaphethwe ngabo kwaye elikhonza isizwe esimnyama, urhulumente ekunye neBhunga likaZwelonke leMibutho yeeTekisi yaseMzantsi Afrika (i-Santaco) basayina imemorandam yokuqonda (i-MOU) eyayijolise ekuziseni uxolo kwishishini. I-MOU yalandelwa yimithetho emininzi eyapasiswa yipalamente ngenjongo yokuzisa ucwangco kwiShishini leeTekisi. UMthetho weNguqulelo kuThutho lweNdlela lukaZwelonke (i-NLTTA) ngomnye wale mithetho.
Kubona isidingo sokuba ishishini leetekisi kufuneka liqhutywe ngokwentando yesininzi.
Kuqaphela inkqubo yokusebenza kwetekisi ngokutsha njengenkunzi kwishishini nenzuzo yoko.
Kukwazi ukuba inkqubo yokuqiqa nokuqoqosha ibhekisa kwintoni.
Kuqaphela iinkcukacha zesithuthi esitsha esiyitekisi (I-NTV).
Kuzazi iinkqubo ezibandakanyekayo ekuguquleni ishishini leetekisi elikhoyo libe lishishini lothutho likawonke-wonke.
Kuqaphela uxanduva labaphathi beetekisi ngokubhekiselele ekuthobeleni irhafu nenzuzo yoko.
Iyunithi 1 : Ukwaziswa ngoMthetho weNguqulelo kuThutho lwendlela lukaZwelonke.
Ubomi bungonxibelelwano. Ukhe uyicinge into yokuba ngelinjani ukudika ilizwe lonke xa bekungekho ndlela yonxibelelwano?
Kukho amazwi nemiqondiso edla ngokusetyenziswa liqela labantu eqondwa ngabo kuphela intsingiselo yawo. Ukunxibelelana ngolu hlobo kufana nokusebenzisa ?iikhowudi? ekufuneka zichaziwe ukuze intsingiselo icace kwabanye abantu.
Abantu abakwishishini leetekisi banendlela yabo yonxibelelwano. Siyalwazi ?ulwimi? ( olungemiqondiso) oluthi lusetyenziswe ngabaqhubi beetekisi nabahambi xa bebhekisa kwezo ndawo baya kuzo. Le miqondiso isetyenziselwa ukuthumela imiyalezo elula nekhawulezayo.
Uyayazi ukuba ithetha ntoni le miqondiso?
Abantu banento yokunqumla amagama ukuze banxibelelane ngokukhawuleza. Abanye abantu bathi abantu baseMzantsi Afrika bayathanda ukuzenza ngcono yiyo le nto bathanda ukusebenzisa izishunqulelo xa bethetha naxa bebhala. Ngamanye amaxesha isishunqulelo ibasesona sithandwayo ukudlula igama elo.Singazekelisa apha ngegama lesiNgesi elithi ?Anti Immune Deficiency Syndrome? elithe lashunqulelwa kwaye abantu sebeqhele isishunqulelo kwintetho okanye kokubhaliweyo. Uyasazi ukuba sithetha ntoni?
Njengakwezinye iindawo zokusebenza, abo banebango kwishishini lothutho basebenzisa iziqhunqulelo ukwenza lula unxibelelwano. Ezinye zide kwaye ezinye kunzima ukuzikhumbula. Phofu ke, ngamagama la abamele bonke abantu abakwishishini bawazi kwaye bayiqonde nentsingiselo yawo njengoko elichaphazela ishishini ngendlela ithile. Izishunqulelo zala magama zifunyanwa kwiingxelo kwiiMemorandam zokuQonda nemithetho epasiswa yipalamente. Kwi-NLTTA (qaphela esi sishunqulelo) kukho izishunqulelo ekufuneka sazi intsingiselo yazo. Zicacisiwe kuxwebhu le-NLTTA.
Fundisisa imifanekiso enikwe iqela lakho ukuze:
Uchonge ingxaki
Uxele into efanayo kwezi ndawo zonke
Beka phambi kwabo bonke abathathi-nxaxheba ingxaki yeqela lakho kwanesisombululo
Xa sijonga emva kwimbali yethu, sifumanisa ukuba kwakukho imithetho eyayisenziwa kwaye isungulwe ezilalini ziinkosi namaphakathi. Le mithetho yayijolise ekuziseni ucwangco ezilalini. Nanamhla oku sisenazo iilali apho amadoda ( mhlawumbi nabafazi! ) ahlangana komkhulu ukuya kwenza imithetho. Asebenzisa kwa eli qonga lengxoxo ukuqininisekisa ukuba iilali ziyawulandela ?umthetho? njengoko unjalo. Le ndlela intle ?yokulawula? ilali iyasetyenziswa ngoku nangamaqumrhu karhulumente kazwelonke nawengingqi kwiindawo ezisezidolophini. Abantu abadala bayayazi ukususela kwakudala into yokuba indawo engenamthetho iza nengxushu-ngxushu enokonakalisa amabutho asekuhlaleni.
IMithetho kaRhulumente
Lonke ilizwe elilawulwa ngentando yesininzi njengoMzantsi Afrika linemithetho epasiswa yipalamente esekela amalungelo oluntu afunyanwa kumgaqo-siseko welizwe lethu. Kuthiwa le yimithetho. Isebe ngalinye likarhulumente linemithetho ejongene neengxaki ezahlukeneyo uluntu olujongene nazo ngemibandela enxulumene nelo sebe. Umzekelo ; iSebe lezeMfundo linoMthetho weZikolo? ochaza indlela emayiqhutywe ngayo imibandela yesikolo. Isebe lezeMpilo linemithetho ecacisa indlela oonompilo amabanike ngayo izigulane unyango.
Kwangokunjalo, iSebe lezoThutho linemithetho ekhokela ababandakanyekayo kwishishini lothutho ngento amabanyenze ukuze bazise ucwangco kwishishini. Omnye walo mithetho nguMthetho weNguqulelo kuThutho lweNdlela lukaZwelonke (I-NLTTA) Eyona njongo enkulu ye-NLTTA.
Kukuguqula ishishini lothutho lwendlela elikhoyo ngoku libe ngumxokelelwano wothutho kawonke-wonke oxabisekileyo nochanekileyo
Kukulungelelanisa imfuno nokunikwayo ukuze umxokelelwano wothutho lukawonke-wonke uqhutywe zizidingo
Kukuhlangabezana nezidingo zabantu abasebenzisa izithuthi zikwonke-wonke
Inkqubo-sikhokelo kaZwelonke yesicwangciso-qhinga soThutho loMhlaba (NLTSF)
Jonga Icandelo 21
Umbono weminyaka emi-5 woMphathiswa kaZwelonke ngothutho lwendlela kwilizwe lonke.
Iya kuquka uthutho lwenqwelo-moya nolukaloliwe, oohola bendlela bakazwelonke nothutho lomhlaba lwamaphondo.
Ikhuthaza ukuhlanganiswa kocwangciso lothutho lomhlaba
Ichaza iindlela zokulwa ungquzulwano ngokubhekiselele ekusetyenzisweni komhlaba nocwangciso lothutho phakathi kwamaphondo noomasipala.
Njalo njalo
Iinkqubo-sikhokelo zaMaphondo zoThutho loMhlaba : x 9 amaphondo
Jonga Icandelo 22
Iphondo ngalinye liphuhlisa izicwangciso zeminyaka emi-5 ngokusebenzisa oomasipala (iziphathamandla zocwangciso)
Kufuneka kubekho uluhlu oluhlelwe ngokokubaluleka lweeprojekthi zothutho zephondo kwanohlahlo-lwabiwo-mali
Kufuneka zinike isikhokelo ngothutho kusenzelwa abo bafundayo nabo balimeleyo
Kufuneka zichaze iinkonzo zangaphakathi kwiphondo nezidibanisa amaphondo zemigama emide
Kufuneka zandlale isicwangciso-qhinga ngokhenketho
Njalo njalo
Iingxelo ezikhoyo zothutho lukawonke-wonke
Kuvavanywa imeko ekuyiyo ngoku. Kuchazwa iinkonzo ezikuludwe lwenkqubo nezo zingekho kuludwe kwindawo leyo.
Ikakhulu ishishini leetekisi. Kunceda ukulungelelanisa ukufumaneka nokusetyenziswa kothutho lukawonke-wonke.
Izicwangciso zokuqoqosha ishishini
Oku kubhekisa kuphela koomasipala abafumana isibonelelo sothutho.
Ziya kufumaneka phambi kokukhutshwa kweethenda. Kumiselwa nobungakanani bezibonelelo.
Kuvavanywa indima yohlobo ngalunye lothutho. Izikhokelo ngomxokelelwano wemali yokukhwela yothutho lukawonke-wonke
Izicwangciso ngeenkonzo zemvumelwano kwanemvume zendlela
Kuxelwa iinguqu ezenziwe ukususela kwisicwangciso sokugqibela. Kujongwa ukususwa kwezinto eziyingozi. Isicwangciso-qhinga sokuphucula nokugcina emgangathweni iindlela.
Ukwenza ishishini leetekisi lihambe ngokwentando yesininzi
Kuthetha ntoni ukwenza ishishini leetekisi lihambe ngokwentando yesininzi?
Bonke abantu baseMzantsi Afrika abazalwa phambili phaya phambi kowe-1994 bayakwazi ukuhlupheka okweviwa ngabo bonke abantu abamnyama ngenxa yokuba babecinezelwe ngurhulumente owayengekho semthethweni. Babengenalungelo lakuthetha nto malunga nendlela ilizwe elalilawulwa ngayo kuba babengavumelekanga ukuba bavotele abantu ababafunayo kurhulumente. Kwakungekho demokhrasi. Ngenxa yedemokhrasi ngoku eMzantsi Afrika, kukho unyulo kwinqanaba lengingqi nelikazwelonke. Ngenxa yonyulo, abantu bangafaka abantu ababafunayo epalamente!
Njengoko sisazi ukuba umntu uvakalelwa kanjani kukuhlala kwilizwe elinedemokhrasi, kubalulekile ke ngoko ukuba zonke iindawo ezichaphazela ubomi bethu zibonise idemokhrasi nazo. Cinga ngomxokelelwano wesikolo (ubukho bamabhunga amele abafundi) umzekelo, urhulumente wengingqi (ooceba) njalo njalo. Nakwishishini leetekisi ke kukwanjalo ? kufuneka siyibonise idemokhrasi kumaqumrhu ethu kumanqanaba engqingi, ephondo nakuzwelonke.
Cinga ngequmrhu lakho lengingqi
Umelwa kanjani kwinqanaba lommandla?
Kulandelwa ziphi iinkqubo xa kuthathwa isigqibo sokuba ngubani omele abe kwibhunga elilawulayo?
Ingaba iqela lakho lommandla limelwe kwinqanaba lephondo?
Ingaba iqela lephondo limelwe kwinqanaba likazwelonke?
Libizwa ngokuba yintoni iqela likazwelonke? Yintoni umsebenzi walo?
Yintoni ekhokela onke amabhunga eetekisi xa eqhuba imicimbi yawo?
Ungathi zinto zini ezifanayo (ngokubhekisellee kulawulo) phakathi korhulumente waseMzantsi Afrika noshishino lweetekisi?
Kuyinzuzo njani kuthi ukwenziwa kweshishini leetekisi ukuba lihambe ngokwentando yesininzi?
Ucwango kwishishini (ukuthobela isigqibo esithathiweyo)
Inzame elungelelanisiweyo
Igunya lokuthenga?
Kubi Mzala, akukho nzuzo konke! Singenza ntoni? SISEBENZISE ITEKISI NGOKUTSHA NJENGENKUZI KWISHISHINI
Umsetyenzana
Uluvo lukaMoufhe lungayinyaniso. Khawutsho ezinye izizathu ocinga ukuba zaphazamisa uzinzo kwishishini leetekisi? Yitsho izizathu zibe zi-5 kwaye uchaze ukuba zinegalelo njani kwimeko ekukuyo ngoku kwishishini leetekisi.
Ukuguqula ishishini leetekisi libe lishishini likawonke-wonke
Ubusazi na ukuba iitekisi zithwala abantu abangaphezulu kwezigidi ezi-3,7 yonke imihla kusasa? Uninzi lwaba bantu ngabasebenzi oko kutsho ishishini leetekisi linegalelo kuphuhliso loqoqosho lwelizwe naxa lingekathathwa njengeshishini lothutho likawonke-wonke. I-SANTACO nesebe lezothutho ingathanda ukuguqula ishishini leetekisi ibe ngumxokelelwano wothutho kawonke-wonke ukuze kwenzeke oku:
Kwande ishishini lenkonzo yothutho lukawonke-wonke
Kuxhotyiswe kwezoqoqosho ishishini leetekisi ngokuba kwenziwe iithenda
Kuphuculwe umgangatho wenkonzo ngokuba kubekho ukhuphiswano mhlawumbi neebhasi
Yeyiphi imingeni ishishini leetekisi ebeliya kujongana nayo xa belinokusebenza njengeshishini lothutho lukawonke-wonke?
Umsetyenzana
Xela iimpawu ezi-5 ? ngokokubona kwakho- ezinegalelo ?kwinkonzo egqwesileyo esemgangathweni? kwishishini lothutho.
Dwelisa ebuncinaneni zibe-3 iinkonzo kwishishini lothutho uze utsho ukuba yeyiphi enika eyona nkonzo egqwesileyo kubaxumi.
Kwakufuneka kwenziwe ntoni ukuze ishishini leetekisi lisebenze njengeshishini elifanelekileyo?
Ingaba onke amashishini ahlawula irhafu? Ithini imeko yeshishini leetekisi malunga nokuthobela irhafu ( ngokubhekiselele kumqeshi nabaqeshwa)?
Ukusebenza ngokutsha kwetekisi njengenkunzi ngokufutshane
Injongo yeNkqubo yokubalwa ngokutsha ukusebenza kwenkunzi kwitekisi:
kukuxhobisa ngezoqoqosho abasebenzi kwanabanye abanebango ngokuba kubekho izibonelelo nesibonelelo sokucima isithuthi esidala kukuseka amaqumrhu eetekisi anxibelelana nabaniki-mali xa kukhutshwa izithuthi ezitsha kukunika indawo yokusebenzela yenkqubo esisinyanzelo yogcino emgangathweni yezithuthi ezitsha ezizitekisi (ii-NTV)
kukuphucula uqoqosho lwelizwe ( umzk; i-NTV iza kwenziwa apha ekhaya kwakunye namalungu ayo)
kuukuba negalelo kwimpilo yokusijikelezileyo i-NTV iza kusebenzisa idizile exabisa ezantsi kunepetroli kwaye iya kuthoba nenkcitho kwimibhobho ekhupha umoya owonakalisayo.
kukuphucula ukusebenza kweetekisi njengokuqokelela imali yokukhwela ( kuya kubakho umxokelelwano wokuhlalwula ngekhadi ? i-EMS).
Esi sicwangciso senyathelo elitsha, esiphuhliswe ligqiza lokusebenza elimele amasebe angala; eloThutho, uRhwebo noShishino, iZimbiwa naMandla neZiko lemali likaZwelonke kudityaniselwene neshishini leetekisi, siya kusetyenziswa ngokudlula kumxokelelwano wokutshintsha imvume (entsha endaweni yendala) nesibonelelo sokucima isithuthi esidala esiya kufunyanwa ngabanini abasemthethweni bezithuthi ezikhoyo ukuncedisa kwixabiso lezithuthi ezitsha.
Umsetyenzana
Ngokwe-SANTACO, inkqubo yokubalwa ngokutsha kokusebenza kwenkunzi kwitekisi ineenzuzo ezingathethekiyo kuninzi lwababandakanyekayo. Xoxa uze uzidwelise ezi nzuzo ngokwezi meko:
Umnini-tekisi
Umhambi ngetekisi
Uwonke-wonke
Abenzi bezithuthi namalungu azo
Amaziko ezemali
Umrhafisi
Uqoqosho lwelizwe
Inkqubo yokubalwa ngokutsha kokusebenza kwenkunzi kwitekisi iza kukhokelela kuqoqosho lweendlela ezisetyenziswayo. Umphumela woko ngulo:
Iindlela ezisetyenziswayo ngoku ziya kuchazwa ngokutsha ukuze kunikwe abahambi eyona nkonzo igqwesileyo.
Kuya kubakho iintlobo ezi-4 zezithuthi eziya kubandakanyeka kuthutho lukawonke-wonke olusekwe emhlabeni. Ziya kwenziwa ukuba zithwale ngaphandle komqhubi i abantu abangaphantsi kwesi-9 iitekisi zemitha ii abantu abali-18 iibhasi ezincinci /iiminibhasi iii abantu abangama-35 iibhasi eziphakathi 
iv abantu abangama-45 nangaphezulu umzk; iibhasi eziqhelekileyo njengoko sizazi namhla
Iimvume ezikhoyo ngoku ziya kutshintshwa zibe ziilayisenisi\ ezisebenzayo eziya kuhlala iminyaka emi-5. azisayi kufana neemvume ebizezobomi
Iilayisenisi zokusebenzao ziya kusekwa kwindlela esetyenziswayo hayi kummandla njengoko bezinjalo iimvume.
Ii-NTV ziya kubekwa ngokoludwe lwenkqubo ngokubhekiselele kwiindlela ezisetyenziswayo nexesha ingakumbi ezi zifumana izibonelelo.
Iya kuba linani elithile lee-NTV eziya kuhamba ngendlela nakwindawo ethile umxokelelwano wesabelo
Ezinye iinkonzo zothutho ziya kubonelelwa. Iinkonzo zothutho ezibonelelwayo ziya kufakwa kuludwe lwenkqubo oko kutsho zilandele isicwangciso sexesha
Ezi zilandelayo zezinye zeenkcukacha zezithuthi ezicingwayo zikawonke-wonke eziyibhasi encinci nebhasi ephakathi
Injini: 18 izihlalo ibhasi encinci iya kuba ziilitha ezi-2,5 ? 4,0 idizile neelitha ezi-4,6 ? 6,0 idizile ?35 izihlalo ibhasi ephakathi
Ucango lomhambi: Ucango olunye oluzivula luzivale olulawulwa ngumqhubi lububanzi bungama-850mm kwiibhasi zombini ?18s & 35s.
Umsetyenzana
Unenkampani eyenza izithuthi. Kukhutshwe ithenda yokwenza esinye sezithuthi ezitsha eziyitekisi (ii-NTV) liSebe lezoThutho neSebe lezoRhwebo noShishino. Inkampani yakho igqibe ekubeni izame ukuyifumana le thenda. Okufunekayo kwithenda kukuba iinkampani ezingenela ukufumana ithenda mazingenise isindululo okanye uxwebhu lwethenda :
olunezinye izinto eziya kwenza ukuba ibhodi yethenda ikunike ithenda.
Isiphumo sesifundo: Abafundi baya kubonisa ukuwuqonda uMthetho woThutho lwePhondo kwanemiphumela yawo kwishishini leetekisi kwiphondo labo.
ISIHLOKO
ISIHLOKWANA
IMISETYENZANA
UVAVANYO
UMthetho woThutho lwePhondo
Amaziko/Amaqumrhu abandakanyekayo kumaphondo nemisebenzi yawo
I-BLC(IPhulo Yiba Semthethweni) kwiphondo lakho
Ukwenziwa kwentetho ngokhokeleyo
Ingxoxo nokuphawulwa kweziphathamandla zamaphondo ezibandakanyekayo kwishishini leetekisi, kwakunye nemisebenzi yazo 
Ingxoxo: I-ITP nemiphumela ngokubhekiselele kwizidingo ezahlukeneyo zamabutho asekuhlaleni izindlu ze-RDP, iindawo zokuhlala ezingacwangciswanga njalo njalo iphepha 3
Makuxoxwe ngenjongo yePhulo Yiba Semthethweni (BLC) (p.5)
Ukwenziwa kwemisetyenzana edwelisiweyo , kuya kubonisa ukuwuqonda uMthetho woThutho wePhondo
Mpumalanga
AMAPHONDO KUFUNEKA EZE NEZICWANGCISO
KULE MODYULI SIYA KUJONGA UXANDUVA LWALA
MAQUMRHU KWAKUNYE NEENTLOBO ZEZICWANGCISO
EKUFUNEKA BEZENZILE.
Kubonisa ukuyiqonda imisebenzi yamaziko/yamaqumrhu othutho kwiphondo lakho.
Kubonisa ulwazi neenjongo zePhulo Yiba Semthethweni (i-BLC) kwiphondo.
AMAZIKO NEZIPHATHAMANDLA ZAMAPHONDO
Iziphathamandla namagosa abhalisayo
Ngokwesahlulo sesi-3 se-NLTTA iphondo lonyule inani leziphathamandla ukuze kuqinisekiswe ukuba imibandela yothutho yephondo ixovulwa ngokwanelisayo. Apha sibhekisa kwiBhodi yeLayisenisi yokusebenza, ababhalisi, amagosa agunyazisiweyo nabanyanzelisi boMthetho ( umzk. umhloli weelayisenisi, umvavanyi wezithuthi, amagosa ezihamba-ndleleni, amalungu e-SAPS njalo njalo).
Le ilandelayo yeminye yemisebenzi yamaqumrhu/iziphathamandla ezixelwe ngasentla:
IBhodi yeLayisenisi yokusebenza
Kukwamkela, ukuqwalasela nokwenza isigqibo ngezicelo zokufumana, ukuhlaziya okanye ukutshintsha iilayisenisi zokusebenza.
Kukujongana nezicelo zokujika iimvume zibe ziilayisenisi zokusebenza.
Kukufumana imvume yelayisenisi yokusebenza kwiBhodi yelinye iphondo oko kutsho xa uhambo luphumela kwelinye iphondo
Ababhalisi
Kukwamkela, ukuqwalasela nokwenza isigqibo ngezicelo zokubhaliswa kwemibutho nabasebenzi kwishishini leetekisi ezizibhasi ezincinci.
Kukumisa okanye ukurhoxisa ubhaliso.
Kukugcina iingxelo zolwazi ezifunelwa iRejista kaZwelonke yoThutho njengabasebenzi, iinkonzo zabo nezithuthi zabo.
Kukukhuthaza nokuncedisa imibutho ukuba ibhalise.
Abanyanzelisi boMthetho okanye ?amagosa agunyazisiweyo?
Olona xanduva luphambili lwala magosa kukunyanzelisa ukuthotyelwa koMthetho i-NLTTA. Oku kungaquka:
Ukuthimba izithuthi ezingena zilayisenisi zokusebenza.
Ukumisa nokuhlola izithuthi endleleni kujongwe namaxwebhu asemxholweni.
Ukufuna iinkcukacha zabahambi nenkcazelo kubonwe ukuba bakuhlawulele na ukuthuthwa ngeso sithuthi.
Ukucela umqhubi ukuba azazise kwaye aveze neenkcukacha zomnini wesithuthi kwaye aveze namaxwebhu akuxhasayo oko.
Umsetyenzana
Xoxa kwaye ukhethe iziphathamandla ezithathu ezingathi zinxibelelane nawe xa usenza umsebenzi wakho.
Funda imisebenzi yeziphathamandla ozikhethileyo uze uxele ukuba lumele ukuba yintoni na uxanduva lwakho kwezi ziphathamandla.
Isahlulo sesi-3 se-NLTTA sixela uxanduva lwephondo ekusunguleni i-NLTTA. Iphondo limele lize nezicwangciso zothutho ezahlukeneyo ezithathela ingqalelo imiyalelo eyodwa ebhekisa kumaphondo. Esinye sezi zicwangciso yi-ITP iSicwangciso soThutho esiHlangeneyo. Le tshathi elandelayo ishwankathela iinkqubo ezibandakanyeka ekuphuhlisweni kwesi sicwangciso:
Uphawula?
Umasipala wesithili
Bekunye banika
Uphuhliso lweendawo ezisemaphandleni kwaye kudingwa uluhlu olulodwa lothutho
Isithili sonke
Sigqale?
Esiquka?
Umsetyenzana
UMFANEKISO WENDAWO YOKUHLALA ENGACWANGCISWANGA
Kwezinye zezi bhokisi zingentla kuxeliwe ukuba ?uphuhliso lweendawo ezisemaphandleni ludinga uluhlu olulodwa lothutho? kufuneka kugqaliswe kuzo. Khawunabe uxoxe ngokuqulethwe yile ntetho kwaye ubhale phantsi nemiphumela ngokumalunga nolungiselelo lweenkonzo zothutho kwezi ndawo:
Iindawo zokuhlala ezingacwangciswanga
Amabala emidlalo neendawo ezinomdla (abakhenkethi)
Esi silandelayo sisibhengezo esaphuma kwelinye lamaphepha-ndaba empela-veki. Sinxulumene noxanduva lweziphathamandla zephondo ukuba zisungule imithetho esemxholweni yothutho / yezihamba-ndleleni ukuqinisekisa ukuba kukho umxokelelwano wothutho olungelelanisiweyo kwiphondo.
ISEBE LEZOTHUTHO
ISIMEMO SOKUNIKA AMAGAMA ABANTU AMABABE KWIBHODI
YEPHONDO LASEMNTLA NTSHONA YEELAYISENISI ZOKUSEBENZA
U-MEC weSebe lezoThutho umema ukuba kumiswe/kunikwe amagama abo bafanele ubulungu kwiBhodi yephondo LaseMntla Ntshona yeeLayisenisi zokusebenza. Amalungu kawonke-wonke namaziko anganika amagama abo bafanele ukuba ngamalungu ngokwemigqaliselo yeCandelo lama-30 loMthetho kaZwelonke woThutho loMhlaba, uMthetho 22 wowe-2000.
Abo kumiswe amagama abo iya kuba ngabantu ababonisa iimpawu zokuzimela, abangenamkhethe nabanobulungisa kwaye abaphinde bakulungele ukuba ngamalungu ngesizathu sokuqonda nokuba namava okanye ulwazi ngeshishini lothutho, kwaye abangenamdla ongqalileyo wemali kwishishini.
Ukumiswa kwamagama makufikelele kwiimfuno zeCandelo 5.1 zoMthetho woThutho lweNdlela , uMthetho 74 wowe-1977.
Umsetyenzana
Jonga isikhundla esibhengeziweyo ukuze uxoxe unike ingxelo ngoku kulandelayo:
Luxanduva lukabani ukonyula umntu kwesi sikhundla?
Ngowuphi umthetho wothutho oluvumelayo olu nyulo?
Iya kuba yintoni imisebenzi yalo mntu (jonga kumthetho)?
Imisebenzi yaloo mntu iya kulichaphazela njani na ishishini leetekisi?
Iphulo Yiba Semthethweni? (i-BLC) kwiphondo lakho
Kuqatshelwe into yokuba ngumsebenzi wamaphondo ukuphuhlisa nokusungula izicwangciso zothutho ezahlukeneyo kumaphondo awo. Ukuze oku kwenzeke iziphathamandla zamaphondo kufuneka zazi, umzekelo, inani leetekisi ezisebenzayo, apho zihamba khona njalo njalo. Kusandula ukuqaliswa iphulo elalijoliswe ekubhaliseni zonke iitekisi ukuze kuphuhliswe isiseko-nkcazo esiya kunika ulwazi ngocwangciso lothutho kwiphondo.
Umsetyenzana
Yeyiphi imiphumela yexesha elide enayo kwabo baliphosileyo okanye abaza kuluphosa usuku lobhaliso (Cinga nokuthethwa yimotho)?
Ngokujonga imiba ekuthethwe ngayo kwimodyuli 1 (i-NLTTA) nale imodyuli, ucinga ukuba oo?Mduvhas? baya kusebenza kwixesha elizayo?
Imodyuli 3
UMthetho weNdlela kaZwelonke weZihamba-ndlela (NRTA)
Isiphumo sesifundo: Abafundi baya kubonisa ukuqonda uMthetho weNdlela kaZwelonke weZihamba-ndlela nemiphumela yawo kwishishini leetekisi.
ISIHLOKO
ISIHLOKWANA
IMISETYENZANA
UVAVANYO
UMthetho weNdlela wezihamba-ndlela
Ukukulungela ukuqhuba
Ilayisenisi yokuqhuba
Gcwalisa uluhlu lwezinto ezinokubangela ukumiswa kwelayisenisi
Ukuqinisa ungenelo
Ukuwugqiba ngempumelelo umsebenzi kuya kubonisa ukuba uyaqonda
Ingxowa-mali yeNgozi yeNdlela (i-RAF)
Imfanelo yabahambi
Isebenza xa kutheni kuwe?
Amabango anokwenziwa
Imfanelo yabahambi
Yintoni leyo?
Ngubani omele ukwenza isicelo?
Ngubani olawula ingxowa-mali?
Iimfuno zeshishini lokhenketho
Ukuhambelana phakathi kwishishini leetekisi nokhenketho
Imfanelo enqongopheleyo
Kule modyuli uya kufunda banzi ngoMthetho weNdlela weZihamba-ndlela nemiphumela yawo kwishishini. Ukuze umntu akwazi ukusebenza kwimida yomthetho, kufuneka ubani abonise ukuyiqonda iMithetho elawula iindlela zethu
Ukutolikwa koMthetho weNdlela kaZwelonke weZihamba-ndlela
Ukukulungela ukuqhuba
Imiqondiso yendlela
Ukuxela ingozi
Izenzo ezingekho emthethweni ngokunxulumene neepleyiti/iimpawu zobhaliso
INTSHAYELELO
Lo Mthetho uqulethe amagatya namagatyana achaphazela ngokungathanga ngqo abasebenzi kwishishini leetekisi. Imizekelo yawo lubhaliso lwabenzi, abakhi nabangenisi elizweni bezithuthi; ubhaliso lwezitishi zovavanyo; amagunya nemisebenzi yoMlawuli-Jikelele njalo njalo. Siza kugqala kulo miba ichaphazela ngqo ishishini elisebenzayo leetekisi. Lo Mthetho uqulethe izahluko ezili-15. Siya kujonga ezinye izahluklo ukuze sibone ezikuquletheyo.
Isahluko 1
Ukutolikwa koMthetho
Isahluko 2
Ukwamkela, ukuqwalasela nokwenza isigqibo ngezicelo
Isahluko 3
Isahluko 4
Ukufaneleka komqhubi
Isahluko 5
Ukulunga kwesithuthi
Isahluko 6
Ukufaneleka komsebenzi
Isahluko 7
Ukhuseleko endleleni
Isahluko 8
Impahla eyingozi
Isahluko 9
Imiqondiso yendlela yezihambi-ndlela nezantya ezimiselweyo
Isahluko 10
Iingozi neengxelo zengozi
Isahluko 11
Ukuqhuba ngokungakhathali
Isahluko 12
Ubunganga neenkqubo zasemthethweni
Isahluko 13
Imimiselo
Isahluko 14
Ubhaliso lweengxelo(iirekhodi)
Isahluko 15
Amagatya ngokubanzi
Iziphumo:
Kwesi sahluko uza kuphuhlisa ukuqonda:
Izinto eziqulathwe zizahluko ezahlukeneyo kulo mthetho.
ISAHLUKO 1
Isahluko 1 sichaza iingcaciso-magama nesigama esisetyenziswe kuwo wonke lo Mthetho.
Umzekelo:
Igosa loxolo? lithetha igosa lezihamba-ndlela kunye nomlawuli wezithuthi owonyulwe ngokwemigqaliselo yemithetho yalo naliphi iphondo.
Isithuthi esidityaniswe ngamalungu? sithetha ukudityaniswa kwezithuthi ezinetrakhi-trektala kunye nento ebunqwelo erhuqwayo.
ISAHLUKO 2
UKUSETYENZISWA KOMTHETHO NEEMFUNO EZINCINCI
Oku kuthetha ukuba uMthetho uya kusebenza kuyo yonke iRiphablikhi yoMzantsi Afrika. Sisonke isahluko sibhekisa kubahloli, abavavanyi bezithuthi nabavavanyi beelayisenisi zokuqhuba.
ISAHLUKO 3 SOMTHETHO
Isahluko xa sisonke sithetha ngemibandela enxulumene nabenzi, abakhi ne
ISAHLUKO 4 SOMTHETHO
Ukufaneleka kwabaqhubi
Isishwankathelo:
Eli candelo libhekisa kwiilayisenisi zokuqhuba ezithi: (kwimihlathi 12 &13)
Akukho mntu uya kuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba ugcine kuye ilayisenisi okanye uxwebhu okanye nalo naluphi ugunyaziso .
Ilayisenisi egunyazisa umqhubi wesithuthi iya kukhutshwa liziko lokuvavanya iilayisenisi zokuqhuba kwaye iya kuba -
yilayisenisi yokubambisa okanye ilayisenisi yokuqhuba.
Ilayisenisi yokuqhuba ingakhutshwa kuphela emva kokuba kufunyenwe ilayisenisi yokufunda ukuqhuba.
Ukungafaneleki ukuba ufumane ilayisenisi yokufunda okanye yokuqhuba
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi iModyuli 3: Umsebenzi 1 .
IZIFUNDO OZIPHUMELELEYO
ISAHLUKO 9: IMIQONDISO YENDLELA
Umbuzo 1
Ngubani onoxanduva lokubeka emboniselweni imiqondiso yendlela ?
a Isiphathamandla sengingqi okanye nawuphi na umntu oqeshwe siso ogunyaziswe ukwenza oko angathi nakuyiphi indlela ekwindawo ephantsi kolawulo lwaso abeke emboniselweni okanye enze ukuba kubekwe emboniselweni ngendlela emiselweyo nayiphi na imiqondiso yendlela enjalo.
b Isiphathamandla sengingqi singathi ngokubhala sigunyazise nawuphi umntu ukuba abeke emboniselweni okanye enze ukuba kubekwe emboniselweni kwindawo ephantsi kolawulo lwayo ngendlela emiselweyo nawuphi na umqondiso wendlela ovunyiwe siso phambi kokuba ube nokubekwa emboniselweni loo mqondiso.
c Isiphathamandla sengingqi esichazwe kumhlathi b singamisela imithetho yokubeka emboniselweni kwaye singanika nomyalelo wokususwa kwaloo mqondiso.
U-MEC ophetheyo angagunyazisa nawuphi na umbutho ukuba ubeke emboniselweni nayiphi na imiqondiso yendlela yezihamba-ndlela ayibona ibalulekile ukuze ke nawuphi umbutho onjalo ngendlela emiselweyo, ubeke emboniselweni ibheji okanye olunye uphawu lombutho kunye nawo nawuphi na umqondiso wendlela wezihamba-ndlela.
Elokushwankathela: Akukho mntu oya kubeka emboniselweni nawuphi na umqondiso wendlela wezihamba-ndlela kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokuba ugunyaziswe ziziphathamandla zengingqi okanye ngu-MEC.
UMBUZO 2
Kungasemthethweni na ukuba abafundi abagada ukuhamba kwezithuthi esikolweni babeke umqondiso wezihamba-ndlela bengathethanga neziphathamandla zomthetho?
Kwimeko apho abafundi bagade ukuhamba kwezithuthi esikolweni bangayibeka imiqondiso yezihamba-ndlela ngendlela emiselweyo ngaphandle kokubonisana neziphathamandla zengingqi njengoko oku kusenzelwa ukuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi xa bewela umgaqo.
UMBUZO 3
Kwenzeka ntoni ukuba into okanye umqondiso uphazamisana nokusebenza komqondiso wendlela?
IMPENDULO
U-MEC ophetheyo okanye isiphathamandla sengingqi angathi ngesaziso esibhaliweyo ayalele umnini okanye umhlali kuloo mhlaba apho umqondiso wendlela okanye enye into iphazamisana nokusebenza komqondiso wendlela ukuba awususe loo mqondiso okanye loo nto lingaphelanga ixesha elithile elinikiweyo kweso saziso.
Ukuba umnini okanye umhlali uyoyisakala ukuthobela isaziso, u-MEC okanye isiphathamandla sengingqi, angenza ukuba lo mqondiso okanye loo nto isuswe.
Umbuzo 3
impendulo
UMBUZO 4.
impendulo
Bhekisa kuMsebenzi 2: Ukungawuthobeli umqondiso wendlela wezihamba-ndlela.
Isantya esimisiweyo
Akukho mntu uya kuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke agqithise kwisantya esimisiweyo njengoko oko kubhekisa kwindawo ethile yendlela.-
Abanye abaqhubi bangegqitha kwisantya esimisiweyo
Umzekelo:
Umqhubi wesithuthi esilwa umlilo, isithuthi sokuhlangula okanye i-ambulensi, othi asiqhube eso sithuthi esenza umsebenzi wakhe, igosa lendlela eliqhuba isithuthi lisenza umsebenzi walo okanye nawuphi na umntu oqhuba isithuthi ejonge ukukhusela uluntu angegqitha kwisantya esimisiweyo:
Ukuba-
a uza kusiqhuba isithuthi eso eyiphaphele imeko yokhuseleko lwezinye izithuthi endleleni; kwaye b kwimeko yaso nasiphi isithuthi sokulwa umlilo, isithuthi sokuhlangula, i-ambulensi okanye isithuthi esiqhutywa ngumntu ojonge ukukhusela uluntu isithuthi esinjalo siya kufakwa isixhobo sokwenza isandi esimiselweyo kwanesibane sokuzazisa kwaye isixhobo esinjalo siya kukhaliswa ukuze isibane sona sidanyaze ngeli xesha isithuthi siqhutywa ngaphezulu kunesantya esimisiweyo..
Indlela yokulamla ecetywayo ukuze kuphuculwe ulawulo: Isantya esimisiweyo
Umba
Ingxaki/isidingo
Iindlela zolamlo ukuya kuma-2005
Oondoqo
IMIQATHANGO ESEMGANGATHWENI
Ukuphononongwa nokuguqulwa kwesantya esimisiweyo kwesantya
Isidingo sokutshintsha rhoqo izantya ezimisiweyo ngokobungqina bokuba yindawo ethandwa yingozi
Ukubekwa kweekhamera zesantya ezimileyo nezihambayo
NdoT akhuthaze amaphondo neemetro zingene kwindibaniselwano yecandelo labucala nelikawonke-wonke ukuze kunikwe kwaye kugcinwe emgangathweni ubuchwepheshe bokubonisa apho kuyimfuneko;
Aqhube ngesicwangciso-qhinga esisekhoyo
ISAHLUKO 10
Esi sahluko sithetha ngemisebenzi yomqhubi kwindawo yengozi apho kukho umntu obhubhileyo okanye owenzakeleyo okanye kubekho umonakalo kwimpahla okanye kwisilwanyana.
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi iModyuli 3, Umsebenzi 3:
Iingozi neengxelo ezingengozi
ISAHLUKO 11
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi iModyuli 3, Umsebenzi 4 : Ingxowa-mali yeNgozi yeNdlela.
Esi sahluko sithetha ngezi zinto: Ukuqhuba kakubi okanye ngokungakhathali
Ukuqhuba ngokungabacingeliyo abanye
Ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala
Ukunika ulwazi lobuxoki
Izenzo ezingekho mthethweni ngokunxulumene neepleyiti zobhaliso, iinombolo zobhaliso, iimpawu zobhaliso okanye amaxwebhu athile.
Ukuqhuba kakubi okanye ngokungakhathali
UMthetho uthi :
Akukho mntu oya kuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke kakubi okanye ngokungakhathali .
Oku kubhekisa kumntu oqhuba isithuthi ngokungakhathali, ongalunanzanga ukhuseleko lwabantu okanye impahla/ipropati
Ekuqwalaseleni ukuba uMthetho wophulwe na inkundla iya kuziqwalasela zonke iimeko zetyala, kuqukwa:
Ubume, imeko nokusetyenziswa kwendlela kawonke-wonke ekutyholwa ukuba kophulwe kuyo umthetho, ubungakanani bezithuthi endleleni ngelo xesha lengozi okanye ekwakulindeleke ukuba zisendleleni ngelo xesha nesantya nendlela isithuthi esasiqhutywa ngayo.
Ukuqhuba ngokungabacingeliyo abanye
Akukho mntu uya kuqhuba isithuthi kwindlela kawonke-wonke ngaphandle kokumthathela ingqalelo omnye umntu osebenzisa indlela.
Ukuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala okanye utye isiyobisi esidakumbisayo, okanye une-alikhoholi egqithileyo egazini okanye emoyeni owuphefumlayo
Akukho mntu kwindlela kawonke-wonke -
Oya kwala ukuba kuthathwe igazi kuye okanye kuvavanywe umoya awuphefumlayo a aqhube isithuthi ; okanye b ahlale kwisihlalo somqhubi wesithuthi injini ihamba ngeli xa aphantsi kweempembelelo zotywala okanye atye isiyobisi esidakumbisayo a aqhube isithuthi ; okanye b ahlale kwisihlalo somqhubi wesithuthi esinjini ebalekayo ngeli xesha i-alikhoholi esegazini elithathwe nakuyiphi indawo emzimbeni wakhe ingaphezulu kwe0,05 grem kwii-100 leemililitha okanye kwimeko yomqhubi ochubekileyo ekubhekiswe kuye kwicandelo 32 ayikho ngaphantsi kwe-0,02 grem kwi-100 leemililitha.
Indlela yokulamla ecetywayo ukuze kujongwe: Imixokelelwano yokulawula isiganeko / ukwenzakala
Ingxaki isidingo
Iindlela zolamlo ukuya kuma-2005
Oondoqo
Isidingo sokuba kuhlalwe kuphuculwa imixokelelwano okanye iinkqubo ezikhoyo
Ukugcina emgangathweni unxibelelwano lwarhoqo ne SANRAL kuphuhliso lweenkqubo ezicwangcisiweyo zolungelelwaniso zokudibanisa nokufezekisa amanyathelo amagosa endlela, amagosa e-SAPS, iinkonzo ze-ambulensi neetrakhi zokutsala kwiindawo zontlithwano
Kuyaqhutywa ngokwesicwangciso-qhinga esisekhoyo
Ukunika ulwazi lobuxoki
Akukho mntu -
ngokunxulumene nokunika naluphi ulwazi, oluthi ngokokwazi kwakhe lube luza okanye lungasetyenziselwa nayiphi injongo ngokwemigqaliselo yalo Mthetho enze isibhengezo okanye anike ulwazi alwaziyo ukuba libubuxoki okanye lolulahlekisayo.
Izenzo ezingekho mthethweni ngokunxulumene neepleyiti zobhaliso, iinombolo zobhaliso, iimpawu zobhaliso okanye amaxwebhu athile.
Akukho mntu oya kwenza nayiphi ipleyiti yobhaliso engazithobeliyo iinkcukacha ezimiselweyo.
Akukho mntu -
a uya kuxoka ngeenjongo zokwenza ubuqhophololo atshintshe okanye afakele enye into kwinombolo yobhaliso okanye kuphawu lobhaliso okanye kwinombolo efana nayo ekhutshwe ligunya elichubekileyo ngaphandle kweRiphabhlikhi;
b oya kuba nenombolo ebubuxoki okanye uphawu olunjalo olububuxoki okanye etshintshiweyo okanye ekufakelwe kuyo enye into.
Akukho mntu-
a uya kuxoka ngenjongo yokwenza ubuqhophololo atshintshe okanye afakele nayiphi enye into kwisatifiketi, kwilayisenisi okanye kuxwebhu olukhutshiweyo okanye olwamkelekileyo ngokwemigqaliselo yoMthetho, okanye b oya kuba nesatifiketi, ilayisenisi okanye olunye uxwebhu , maphepha lawo abububuxoki okanye atshintshiweyo okanye anezinto ezifakelweyo .
Akukho mntu-
a uya kusebenzisa amaphepha angengowakhe angala, isatifiketi, ilayisenisi okanye olunye uxwebhu akhutshwe okanye awamkelekileyo ngokwemigqaliselo yoMthetho ; okanye buya kuvumela ukuba isatifiketi, ilayisenisi okanye olunye uxwebhu olulolwakhe lusetyenziswe ngomnye umntu .
Akukho mntu-
a ngenjongo yokwenza ubuqhophololo, ukuxoka, ukutshintsha nokufakela nantoni okanye ukususa nantoni nangayiphi indlela aphazamise inombolo yenjini okanye yetshesi yemoto;
b ngaphandle kwesizathu esisemthethweni abenemoto enenjini okanye itshesi enenombolo yobuxoki okanye etshintshiweyo okanye efakelwe enye into okanye enento esusiweyo okanye aphazanyisiweyo
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi kwiModyuli 3: Umsebenzi 5
Umsebenzi 1. Ukukulungela ukuqhuba
A: Sebenzisa uluhlu lokuhlola olungezantsi ubone ukuba ungakwazi na ukubachonga abantu abanokukhutshelwa ecaleni ukuba bafumane okanye babe neelayisenisi zokufunda ukuqhuba okanye ezokuqhuba:
Phawula ibhloko ocinga ukuba ifanelekile. Ungabhekisa kwiSahluko III soMthetho kaZwelonke weNdlela ukuba unayo ikopi.
Ewe
Hayi
Umntu ongaphantsi kweminyaka eli-18
Umqhubi wesithuthi olayisenisi yakhe imisiweyo yinkundla echubekileyo okanye ligunya ngeli xesha umiso olo lusenamandla.
Apho ilayisenisi yokuqhuba isithuthi irhoxisiweyo ligunya ekungekho nto yalo.
Ukuba ugula sisifo sokuxhuzula esilawulekayo .
Ukuhlaselwa ngokukhawuleza kukuwa okanye ukufa isiqaqa/isithuthwane ngenxa yonxinzelelo lwegazi oluphezulu okanye omnye unobangela.
Ukungaboni kakuhle ngokwemigangatho emiselweyo
Usebenzisa isiyobisi esidakumbisayo okanye usela utywala kakhulu
Ukungeva/ubuthulu ngaphandle kwesinye isiphene emzimbeni
Naluphi uhlobo lokugula ngengqondo kude kufuneke avalelwe, ahlolwe, alawulwe kwaye anyangwe njengesigulane ngokwemigqaliselo yoMthetho weMpilo 9 uMthetho 18 wowe- 1973
Ufikelela kusiphi isigqibo ekupheleni kwalo msetyenzana? ????????????????????????????????????????????????????????????????????????
Funda (amaphepha 18-19) oMthetho
Xoxa ngale ngongoma neqela lakho ukuze ninike ingxelo kwiklasi yonke.
Umsebenzi 2. Ukungawuthobeli umqondiso wezihamba-ndlela !
Kulo mboniso ungabona kakuhle ukuba umqhubi wesithuthi akayinanzanga konke imiqondiso yesihamba-ndlela. Kukho into engxamisekileyo kwaye le ndlela yiyo emfutshane/ elula ukuya kufika kule ndawo inomlilo. Ingaba umqhubi waphule umthetho?
Kufuneka athathe waphi amanyathelo umqhubi wesithuthi ukubonisa abanye abaqhubi ukuba kukho into engxamisekileyo?
Umsebenzi 3. Sebenzisa uluhlu lokuhlola olungezantsi ubone ukuba ungaphawula:
Umsebenzi womqhubi wesithuthi kwindlela kawonke-wonke ngexesha apho isithuthi esinjalo sibandakanyekayo okanye sinenxaxheba nakuyiphi ingozi apho kukho umntu obhubhileyo okanye owenzakeleyo okanye kukho umonakalo ngokubhekiselele kwimpahla okanye kwisilwanyana.
Phawula ibhloko ocinga ukuba ifanelekile. Ungabhekisa kwiSahluko X soMthetho
Ewe
Hayi
Uya kuqhuba emke kuloo ndawo
Uya kumisa kwangoko aqinisekise ukuba injani imeko yaye nawuphi umntu owenzakeleyo ;
Ukuba umntu wenzakele, uya kumnceda loo mntu wenzakeleyo ngokwenza loo nto akwaziyo ukuyenza ;
Uya kuqinisekisa ngemeko yomonakalo okhoyo ;
Ukuba kukho izizathu ezivakalayo, uya kunika igama nedilesi yomnini wesithuthi esiqhutywa nguye nenombolo yobhaliso lwemoto okanye olunye uphawu olufana nenombolo leyo;
Ukuba akakaluniki ulwazi oluxelwe ngasentla , kwigosa lendlela kwindawo yengozi kwaye ngaphandle kokuba akakwazi ukwenza oko ngenxa yokwenzakala kwithuba leeyure ezingama-24 emveni kwengozi, axele ingozi nakweliphi ipolisa kwisikhululo samapolisa okanye nakuyiphi i-ofisi egunyazisiweyo ukuba isetyenziswe ligosa lendlela ukuze apho akhuphe ilayisenisi yokuqhuba yakhe nolunye ulwazi okubhekiswe kulo kuloo mhlathi:
Uya kususa nasiphi isithuthi esibandakanyeka kwingozi apho kubhubhe okanye kwenzakele umntu kwisikhundla esiye sema kuso isithuthi ngaphambi kokokuba agunyaziswe ukwenza oko ligosa lendlela,
Uya kususa isithuthi kwindawo leyo xa ingozi leyo ivalela ukuhamba kwezithuthi kwindlela kawonke-wonke ukuze izithuthi zibe nokuhamba.
Nawuphi umntu ongumphathi wegaraji okanye enye indawo apho kulungiswa iimoto okanye indawo apho zisiwa khona iimoto ezibonisa iimpawu zokuba bezihlangene nengozi ngeenjongo yokuba zilungiswe ezo ndawo zonakeleyo, kuya kuthi ngokukhawuleza phambi kokuba ziqaliswe ukulungiswa agcine iingxelo echaza ubume bezo ndawo zonakeleyo, inombolo yenjini ,inombolo yetshesi nenombolo yobhaliso okanye uphawu olufana nayo kwanegama nedilesi yomnini nomqhubi wesithuthi eso ukuba ziyaziwa .
Umntu okufuneka egcine ingxelo, uya kuyigcina ingxelo enjalo ithuba leminyaka emithathu ukususela ngomhla eyenziwa ngawo, kwaye ingxelo enjalo inikezelwe kwigosa lendlela xa lithe layicela.
Umsebenzi 3: Ingxowa-mali yeNgozi yeNdlela
Kumboniso ongentla, kwafa abantu abathathu. Abanye abasindayo benzakala kakhulu baze bangeniswa esibhedlele.
Nzuzo zini abanelungelo lazo abo basindileyo?
Nzuzo zini abanelungelo lazo abo baxhomekeke kwabo babhubhileyo?
Kufuneka balandele yiphi imiqathango ukuze babe nokuzuza kwingxowa-mali?
Umsebenzi 5: Izenzo ezingekho mthethweni ngokunxulumene neepleyiti zobhaliso, iinombolo zobhaliso, iimpawu zobhaliso okanye amaxwebhu athile.
Umqhubi wamiswa kumqobo-ndlela kwaze kwahlolwa imoto. Injini yayiphazanyisiwe kodwa umqhubi wayengayazi loo nto. Ingaba unetyala lolwaphulo-mthetho? Xoxa.
INGXOWA-MALI YENGOZI YENDLELA NAMALINGE OKHUSELEKO
Kule yunithi siza kujonga kubume beNgxowa-mali yeNgozi yeNdlela size sitolike uqokelelo-manani eluya kusinika umfanekiso wokwenzekayo minyaka le kwiindlela zethu nemiphumela yoku kokusijikelezileyo kwintlalo noqoqosho. Ukhuseleko endleleni ngumba otshisayo kwilizwe lethu kule mihla njengoko iindlela zethu zijike zaba zizabatha zokufa kuba inani lababhubhayo liyenyuka ngokuhamba kweminyaka. Ngumsebenzi karhulumente ukuphawula nokuphungula izinto ezizingxaki ezinegalelo kwiingozi ezininzi zendlela. Isebe lezothutho lize nelinge lokwandisa ukhuseleko ezindleleni zethu ngokuba kuqhutywe uphando lokuphawula iindawo eziphambili ezifuna ukuhoywa ngokukhawuleza.
Ukuphanda iindawo eziphambili ezifuna ukuqwalaselwa kujongwe :
Ubume beNgxowa-mali yeNgozi yeNdlela
Abahambi njengamaxhoba engozi yendlela
Iimfanelo zabahambi
Izicwangciso-qhinga zokulamla namalinge abhekiselele kukhuseleko lwendlela
Inkqubo yamabango
Ubume beNgxowa-mali yeNgozi yeNdlela
Ingxowa-mali yeNgozi yeNdlela yinto kawonke-wonke ebekelwe ukuhlawula imbuyekezo kubantu abenzakele kwiingozi zendlela okanye abo baxhomekeke kwabo babhubhe kwiingozi zendlela ezibangelwa kukuqhuba izithuthi ngokungakhathali eMzantsi Afrika. Ibango lenziwa kwifomu emiselweyo (iFomu 1), enika ulwazi olusisiseko ngombangi, izithuthi namaqela abandakanyekayo kungqubano, umhla nendawo yengozi nezixa ezibangwayo.
Ukwaziswa kwerhafu yamafutha yeNgxowa-mali yeNgozi yeNdlela
Meyi 1986
Urhulumente uqalisa i-inshorensi yesithuthi esiyimoto
Ilawulwa licandelo langasese leenkampani ze-inshorensi
Izavenge ezisezantsi-ukutshona
Iqumrhu leenkampani ze-inshorensi
Iithokheni ezithengwe ngexabiso elinye elimisiweyo zesithuthi ngasinye.
Abantu abaninzi abazange bazithenge iithokheni ngoko ke abakho kwi-nshorensi.
Urhulumente uqalisa irhafu yamafutha kwaye useka iNgxowa-mali yeNgozi yeNdlela.
Indima yee-arhente ze-inshorensi ihlisiwe kwaye amabango aqhutywa yingxowa-mali yona ngokwayo.
Urhulumente nguye obeka irhafu yepetroli kwaye angawulungisa umthetho.
Okuboniswe apha ngezantsi luqokelelo-manani lwephulo lwe- 2001/2002 Arrive Alive . Intetho yoMphathiswa wezoThutho ngolu qokelelo-manani ingafunyanwa kwiSebe lezoThutho - Arrive Alive 2001/2002
Inani leengozi apho kwabhubha abantu
Inani lilonke lokungqubana kwezithuthi apho kwafa abantu ngexesha leeholide zikaDisemba 2000 noDisemba 2001, ezixeliweyo iingozi nezingaxelwanga lishwankathelwe kwesi sicwangciso singezantsi;
Inyanga
Ezixeliweyo
Ezingaxelwanga
Inani leengozi zizonke zokufa kwabantu
Umahluko
Amanani ashwankathelweyo amaphondo:
Onke amaphondo ngaphandle kweMpumalanga anika ingxelo yokwehla kwamanani kwiingozi zokufa kwabantu, ehla kakhulu la manani eMntla Koloni.
Iphondo
Umahluko
Umahluko
Ntshona Koloni
Mpumalanga
Mntla Ntshona
Iphondo loMntla
Mntla Koloni
Ewonke
Iintlobo zengozi:
Ukugilwa kwabantu abahamba ngeenyawo
Olona hlobo lwengozi lwalunamanani aphezulu, kukugilwa kwabantu; kwiingozi ezili-199, sibalo eso esenza ama-32,3% eengozi zonke zikaDisemba 2001 okwazala ukufa kwabantu abahamba ngeenyawo abangama-274. Kwakhona, ndithanda ukuvakalisa ukukhathazeka kwam ngamanani aphezulu abantu abahamba ngeenyawo abafa ezindleleni mihla le. Urhulumente ekunye namabutho asekuhlaleni kufuneka aqinise amaphulo ethu okhuseleko lwabahamba ngeenyawo ukuze alwe nale ngxaki. Ndiza kwabelana nani ngezinye zezinto esiza kuzenza emva kwengxelo yam.
Phofu ke , naxa siphazamiseka ngamanani abahamba ngeenyawo ababulawayo, inani lokugilwa kwabantu lihle ngama-77 okanye ama-27,9% xa kuthelekiswa noDisemba 2000. NgoDisemba 2000 ukugilwa kwabantu abangama-276 kwaba ngunozala wokufa kwabantu abangama-336.
Ukufa kwabahamba ngeenyawo kwehla ngama-62 okanye 18,5%. Njengokuba ubona kukho inkqubela-phambili kodwa kumele senze ngcono kunoku.
Ukubhukuqa kwezithuthi ezinganye
Uhlobo lwesibini lwengozi oluphezulu, kukubhukuqa kwezithuthi zinganye. Apha inani lihle ngesi-1, oko kwenza isibalo esiyi-0.68% ukusuka kwi-146 ngoDisemba 2000 ukuya kwi-145 kuDisemba 2001. Inani lababhubhayo kolu hlobo lwengozi lwanyuka ngama-23 okanye 11,0% lasuka kuma-209 ngoDisemba 2000 ukuya kuma-232 ngoDisemba 2001. Ndithanda ukugxininisa kwakhona kwinto yokuba ingozi yosapho lakwaChego yaba nemiphumela emibi kolu hlobo lwengozi. Ukuba yayingenzekanga loo ngozi ngesinika enye ingxelo eyahlukileyo.
Ukubhukuqa kwezithuthi ukuze kufe abantu kunyuke nge-11,8% ukususela ku-1,43 ngoDisemba 2000 ukuya ku-1,60 ngoDisemba 2001. Oku kunyuka kwabangelwa zezi zinto:
Iingozi ezenzeka ngenxa yezantya eziphezulu ( ukuqhuba ngesantya esiphezulu);
Ukuba mbalwa kwabantu ababopha amabhanti ;
Izithuthi ezikhwelise abantu abaninzi kakhulu zize zingene engozini ;
Ukuntlithana ngeentloko kwezithuthi
Olu hlobo lwengozi lokuntlithana ngeentloko kwezi thuthi lunyuke ngesi-3% okanye nge-5,0% ngoDisemba 2000 laya kuma-63 ngoDisemba 2001. Phofu ke ehla amanani ababhubhayo ngama-26 (19,4%) ukusuka kwi-134 ngoDisemba 2000 ukuya kwi-108 ngoDisemba 2001.
Umlinganiselo ophezulu wokufa 2:2 (oku kuthetha inani labantu abafayo) izithuthi zazibheka calanye. Lo mlinganiselo unyukile nawo nge-10,0%. Iingozi apho izithuthi zintlithana ngeentloko uhlile ngama-23,2%.
Inani nohlobo lwezithuthi ezibandakanyeka kwiingozi apho kwafa abantu
Iziphumo zezithuthi ezabandakanyeka kwingozi apho kwafa abantu ngoDisemba zingashwankathelwa ngolu hlobo lulandelayo
Uhlobo lwesithuthi
Inani lezithuthi
Ipesenti yazo zizonke
Imoto
Ibhasi encinci
Ibhasi encinci eyitekisi
Ibhasi
Itrakhi
Iziphumo zezithuthi ezibandakanyeka kwiingozi apho kwafa abantu ngoDisemba 2001 zingashwankathelwa ngolu hlobo lulandelayo:
Uhlobo lwesithuthi
Inani lezithuthi
Ipesenti yazo zizonke
Imoto
Ibhasi encinci
Ibhasi encinci eyitekisi
Ibhasi
Itrakhi
Iingozi apho kubhubhe abantu ngosuku lweveki nexesha lemini
Iingozi ezininzi zenzeka phakathi kwentsimbi yesithandathu emalanga neyeshumi elinanye ebusuku. Ezasekuseni zona iingozi (00:00 to 01:00), zinyuke ngaphezulu kwe-100%. Njengakwiminyaka engaphambili zingaphezulu kwama-60% iingozi ezenzeka ngooLwesihlanu, neMigqibelo nangeeCawe. Inyanga yonke ngoDisemba 2001 zange kubekho ngozi eMntla Koloni ngooLwesine. Ukwenzeka kweengozi ngosuku ngeveki nangexesha lemini kwahlala kuyinto enye. Phofu ipesenti yeengozi zempelaveki yehla yasuka kuma-66,37% ngoDisemba 2000 yaya kuma-61,85% ngoDisemba 2001. Ezeveki zona iingozi zenyuka zasuka kuma-33,63% zaya kuma-.38,15%.
Iindleko zeengozi
Indleko zengozi apho kufe abantu zehle ngama- R56, 72 ezigidi okanye nge- 13,2% zisuka kwindleko yama- R431, 46 ezigidi ngoDisemba 2000 zaya kuma- R374, 74 ezigidi ngoDisemba 2001.
Indleko ebaliweyo ngezigidi zeeRandi ngeengozi zendlela ngamaxesha eeholide ngoDisemba 2000 noDisemba 2001 zimi ngolu hlobo lulandelayo:
Iphondo
Umahluko
Ntshona Koloni
Mpumalanga
Mntla Ntshona
Iphondo loMntla
Mntla Koloni
Mzantsi Afrika
Abahambi abangamaxhoba engozi yendlela
Imiphumela yeengozi
Abenzakeleyo
Abafileyo
UMSEBENZI:
Kungowuphi unyaka apho iingozi zendlela zaziphezulu kakhulu? ????????.
Babebangaphi abantu ababhubhayo nabenzakalayo ngaloo nyaka????..
Nika nje inani eliyi-avareji labantu ababhubhayo njengoko kubonisiwe kwisicwangciso ???????.
Le grafu elandelayo inika ulwazi ngamaqela oluntu abahambi ababhubhayo okanye benzakala eMzantsi Afrika ukusukela ngo-1990 - 1998
Abahambi = iqela elikhulu lesibini lamaxhoba kwingozi yendlela.
Ithetha ntoni le nto? Sinezintlu ezimbini zabahambi:
ABAHAMBI NGETEKISI: 1998-1999 UNYAKA-MALI
Amabango agqityiweyo
Abahambi ngetekisi
Isibonelelo
% abafanelekileyo
% Abanye
% Abamnyama
Imfanelo enemida
ABAHAMBI NGEBHASI ENCINCI UNINZI LWABO YAYINGABANTSUNDU KWAYE AMABANGO ABO AYE KUMDA WAMA-R25 000.
Ngokwemigqaliselo yewonga lezoqoqosho nentlalo, abahambi babekwimeko embi kuba amaxhoba ngabaqhubi. Abahambi ngetekisi ngabona bantu bakwimeko elusizi xa bethelekiswa namanye amaxhoba engozi yendlela. Umvuzo wenyanga ukwisithuba se-R1500 (ngokwamaxabiso wowe-1998) .
Inkqubo yokufaka ibango
Ngubani onelungelo lokufaka ibango?
Umntu owenzakeleyo (ngaphandle komqhubi ongunobangela wengozi).
Abo bondliwa lixhoba elibhubhileyo
Isizalwane esisondeleyo kulowo ubhubhileyo ngokumalunga namalungiselelo omngcwabo .
Umzali okanye umgcini osemthethweni kufuneka ancedise obangayo ongaphantsi kwama-21 ubudala.
Jonga kwicandelo leNkqubo yamabango uze ufumane iinkcukacha ngokungeniswa kwebango
Kuthatha ixesha elingakanani ukusebenza ibango?
Igqwetha lingakhupha iisamani emva kweentsuku ezili-120 lakuba lifakiwe ibango. Oku kunika lowo uphethe eli bango ukuba agqibe lonke uphando ngezi ntsuku zili-120.
Xa isamani zinikwe i?RAF, lowo uphethe ibango angacela ukwandiselwa ixesha . Eli xesha liya kusetyenziswa ukufumanisa ukuba ayingekhe ilungiswe yonke le nto kungakhange kuyiwe enkundleni. Ixhomekeke kwigqwetha into yokuvuma ukulandisa ixesha.
Yintoni inkqubo yokufaka ibango?
Ibango lifakwa kwifomu emiselweyo (Ifomu1) apho kunikwa ulwazi olusisiseko ngumbangi, ngezithuthi namaqela abandakanyekayo kuntlithwano, umhla nendawo yengozi nezixa ezibangwayo. Iquka nengxelo ephuma kugqirha onyangayo. Le fomu yebango ikhatshwa bubungqina obunika iinkcukacha ezipheleleyo ngengozi, iingxelo zamangqina, iingxelo zamapolisa, iingxelo zesibhedlele nezonyango neevawutsha namaxwebhu axhasa izixa ezibangwayo.
Xa ibango selifakiwe, i-RAF iyalibhalisa kumxokelelwano walo wobango ize iqalise ngophando lwayo. Yi-RAF ebonayo ukuba ibango elo lifanelekile ( oko kutsho, yayikhona ingozi yendlela, ingaba liyahambelana namagatya angummiselo, lingeniswe ngexesha, njalo njalo) . Zintoni eziyimfaneleko kweli tyala ( oko kutsho, impazamo ingakanani, kukhalazelwa okanye kusolwa abaqhubi bezithuthi nombangi ngokulandelelana) Kujongwa nobungakanani bomonakalo okanye ilahleko.
Ukuba ibango alifakwanga ngokupheleleyo, i-RAF ingafuna olunye ulwazi namaxwebhu axhasayo ukuze ibenakho ukuwuhlola kakuhle umbandela.
Sayina ifomu
Qaphela ukuba:
Luxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba ifomu ifikile kwi-RAF. I-RAF ayinakubekwa tyala ngefomu ezithunyelwe ngeposi okanye ezithunyelwe ngomnye umntu zaze azafika kuyo.
IFOMU 1
IBANGO LESIBONELELO NENGXELO KAGQIRHA
AMANQAKU :
i Kufuneka kuzaliswe ifomu eyahlukileyo emalunga nomntu owenzakeleyo okanye obhubhileyo okwenziwa ibango egameni lakhe ize ingeniswe.
ii Ukuze iNgxowa-mali ikwazi ukulikhawulezisa eli bango kufuneka zonke iivawutsha namaphepha eengxelo afunekayo ahambe nale le fomu kwaye kwimeko yenqaku 8 kule fomu kuyafuneka kwakhona ukuba- -
a Zonke iingxelo ezisemthethweni nezonyango anazo umbangi;
b Kuxelwe ngokumalunga nebango ngelahleko yengeniso yexesha elizayo kwelinye iphepha nokuba ibalwe njani na loo lahleko.
iii Igunya elibhaliweyo lohlolo olwenziwa egameni leNgxowa-mali lweengxelo zonke ezimalunga nalowo wenzakeleyo okanye lowo ongasekhoyo ezinokuba sesibhedlele okanye kugqirha malikhaphe le fomu.
iv Amanqaku 1 -5 ale fomu kufuneka agcwaliswe phambi kokuba le fomu ingeniswe kugqirha ukuba enze ingxelo yonyango.
v Apho kukho ibhloko zokuba umntu aphendule umbuzo, yenza ungxabalaza kwibhloko efanelekileyo.
UMBANGI :
a i Amagama apheleleyo nedilesi yendawo yokuhlala yombangi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
b Ukuba umbangi ubanga njengommeli egameni lomntu, makaxele -
i Isikhundla sakhe njengombangi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
ii Amagama apheleleyo nedilesi yendawo yokuhlala elenziwa egameni lakhe eli bango lesibonelelo.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
iii Inombolo yeSazisi/yeNcwadana yokundwendwela yaloo mntu .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
iv Uzalwano lombangi naloo mntu .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Iifotokopi ezichanekileyo zamaxwebhu ezazisi, awencwadana zokundwendwela, awomtshato, izatifiketi zokuzalwa, konke okufanelekilyo mazihambe nale fomu.
IINKCUKACHA ZESITHUTHI ELIPHUMA KULO ELI BANGO :
c Oonobumba neenombolo zobhaliso i Ukwenziwa .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
d Igama nedilesi yomnini ngexesha lengozi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
e Igama nedilesi yomqhubi ngexesha lengozi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
f Ukuba kufumanisekile ukuba ngubani umnini okanye umqhubi ngokwesazisi xela-
i Olunye ulwazi olongezelelweyo ngemoto.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
ii Kwathathwa waphi amanyathelo ukuze kube nokufunyanwa umnini wemoto.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Faka elinye iphepha lengxelo ukuba kukho imfuneko 
IINKCUKACHA ZENGOZI :
a. Umhla .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . (b) Ixesha .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. (c) Indawo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
d Isikhululo samapolisa ekuxelwe kuso nenombolo yamapolisa esisalathisi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
e Faka ubungqina obukhatshwa sisiketshi sendawo yengozi apho iinkcukacha zengozi zandlalwe khona kakuhle.
f Faka onke amaphepha anengxelo ebalulekielyo kuqukwa nengxelo zamangqina azibonele ngamehlo namaxwebhu kuqukwa nengxelo nesicwangciso samapolisa sengozi
IINKCUKACHA ZAZO NAZIPHI EZINYE IZITHUTHI EZIBANDAKANYEKA KWINGOZI:
a. Oonobumba neenombolo zobhaliso .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
b. (i) Igama lomnini ngexesha lengozi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
c. (i) Igama lomqhubi ngexesha lengozi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Ukuba zingaphezulu kwesibini izithuthi ezibandakanyekayo, iinkcukacha kufuneka zinikwe kwelinye iphepha ukuze lidityaniswe kule fomu.
IINKCUKACHA ZOMNTU OWENZAKELEYO OKANYE OBHUBHILEYO:
a. Igama elipheleleyo nedilesi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
b. Inombolo yeSazisi/yeNcwadana yokundwendwela .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. (c) Isini.. .. .. .. .. .. .. .. .. . (d) Umhla wokuzalwa.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
e Imo yomtshato ngexesha lengozi : zange watshata utshatile uqhawulwe ngumhlolo/kazi f Ukuba utshatile : kwabelwana ngento yonke umntu unezakhe yedwa ngowesintu g Ishishini okanye umsebenzi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
h Ngexesha lengozi ingaba umntu wayehamba ngenye yezi moto zichazwe kwinqaku 2 okanye 4 ? EWE HAYI
i Ukuba EWE xela : i Oonobumba neenombolo zobhaliso zemoto .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . ; nokuba ii ngumhambi okanye ngumqhubi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
j Ukuba umntu ebengengomhambi okanye engengomqhubi kwenye yezi moto zichazwe kwinqaku 2 okanye 4 i wayehamba ngantoni?.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Okanye (ii) wayehamba ngeenyawo? EWE HAYI
k Igama nedilesi kagqirha obeqhele ukuya kuye .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
l Amagama needilesi zoogqirha abaye bamxilonga emva kwengozi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
m i Walufumana kwesiphi isibhedlele okanye ikhaya lokonga unyango emva kwengozi? .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
okanye njengesigulane esigulela ngaphandle ( . ukususela .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . ukuya .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..)?
iii Ukuhlelwa ngeenjongo zesibhedlele : isigulane sasebhedlele isigulane sabucala n Ingaba kukho isigulo owayenaso somzimba phambi kwengozi? EWE HAYI
Ukuba EWE , nika iinkcukacha .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
p i Igama nedilesi yomqeshi ngexesha lengozi ukuba umqeshi akakho mnye, xela amagama needilesi zabanye ii Uhlobo lomsebenzi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
q Wenzakala okanye wafa ngeli xesha esesemsebenzini ? EWE HAYI
r Xela umvuzo wakhe weenyanga ezili-12 phambi kwengozi- R
j ophuma kwingqesho.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
ii ophuma kwenye indawo nika iinkcukacha .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Iyonke .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . R.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
UKUBA UMNTU OXELWE KWINQAKU 5 WAFA , KUFUNEKA OLUNYE ULWAZI NGOKUMALUNGA NOMNTU ONJALO :
a. Indawo awabhubhela kuyo.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
b. Umhla wokufa .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
c Ingaba kuyaziwa na ukuba kukho uphando olwenziwayo ? EWE HAYI
d Ukuba uyazi, xela ukuba kweyiphi inkundla .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
nenombolo esisalathisi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. (faka ikopi yengxelo yophando ukuba ikhona ).
e Igama nedilesi yomqokeleli welifa lalowo ongasekhoyo.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
UKUBA UMNTU OXELWE KWINQAKU 5 WAFA KWAYE KUBANGWA ISIBONELELO NGULOWO WONDLIWAYO OKANYE EGAMENI LALOWO WONDLIWAYO KUFUNEKA OLU LWAZI LULANDELAYO MALUNGA NALOWO WONDLIWAYO. (Ukuba isibonelelo asibangwa ngumntu omnye okanye asibangelwa umntu omnye , ulwazi olufunekayo ngomntu ngamnye owondliwayo kufuneka lwandlalwe kolunye uxwebhu ukuze ludityaniswe nale fomu.)
a. Igama elipheleleyo nedilesi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
b. Inombolo yeSazisi / yeNcwadi yokundwendwela .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
c. Isini.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
d.. .. . (d) Umhla wokuzalwa.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
e Uzalwano nalowo ongasekhoyo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
f Imo yomtshato ngexesha lengozi : zange watshata utshatile uqhawulwe ngumhlolo/kazi g Ukuba utshatile : kwabelwana ngento yonke umntu unezakhe yedwa ngokwesintu h Ishishini okanye umsebenzi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
i Ingaba kukho into agula yiyo ? EWE HAYI
j Ukuba EWE, nika iinkcukacha ezipheleleyo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Igama nedilesi yomqeshi ngexesha lengozi kwaye lingakanani ixesha eqeshwe apho( ukuba umqeshi akakho mnye, xela amagama needilesi zabanye abaqeshi).. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
l Xela umvuzo wakhe weenyanga ezili-12 phambi kwengozi -
j ophuma kwindawo yengqesho.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
ii ophuma komnye umthombo nika iinkcukacha .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Iyonke .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . R.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
m Iinkcukacha nesixa salo naliphi ilifa okanye naziphi iinzuzo ezifunyenwe kwilifa lalowo ongasekhoyo okanye eziphuma nakowuphi umthombo ngenxa yokufa komntu okubhekiswe kuye kwinqaku 5, ngaphandle kwe-inshorensi ne/okanye iimali zomhlalphantsi .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
ISIBONELELO ESIBANGIWEYO :
Kufuneka kunikwe iinkcukacha ezicacileyo malunga nala manqaku alandelayo kwaye kufuneka zikhatshwe ngamaxwebhu axhasayo apho kukho imfuneko. Ukuba kukho imfuneko, ulwazi olufunwa kweli nqaku lunganikwa kolunye uxwebhu luze lusayinwe ludityaniswe nale fomu. Jonga neNqaku ii emantla efomu. Inqaku Isixa a. Iindleko zesibhedlele (izibhedlele zephondo ) .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
b. Iindleko zesibhedlele (ezinye izibhedlele ).. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
c. Iindleko zonyango .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
d. Iindleko zonyango eziqikelelweyo zexesha elizayo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
e. Ilahleko yemivuzo/ inkxaso ukususela ngomhla wengozi kude kube ngoku.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
f. Ilahleko eqikelelweyo yexesha elizayo yemivuzo nenkxaso.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
g. Iindleko zomngcwabo.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
h. Umonakalo jikelele (intlungu nokuhlupheka, ukulimala okusigxina njalo njalo .) .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Iyonke .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . R.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
UKUBA UMNTU OXELWE KWINQAKU 5 WAFA OKANYE WENZAKALA ESEMSEBENZINI :
a Ingaba umbangi unelungelo lesibonelelo phantsi koMthetho wesiBonelelo seZifo noKwenzakala eMsebenzini , 1993 EWE HAYI
b Ukuba umbangi sele esifumene isibonelelo ngokwemigqaliselo yoMthetho weZifo noKwenzakala eMsebenzini, 1993, xela isixa esafunyanwayo.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Ndiyavakalisa ukuba ngokokwazi kwam ulwazi olunikwe apha kule fomu luyinyaniso kwaye loluchanekileyo ngandlela zonke.
Yasayinwa e .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. . ngalo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. mhla we/wama-.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Njengamangqina :
.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .Utyikityo lombangi oxelwe kwinqaku
) okanye ummeli osemthethweni ogunyazisiweyo. ( Kule meko yokugqibela ubungqina obubhaliweyo bokuba ugunyazisiwe njengommeli osemthethweni wombangi kufuneka bukhaphe le fomu .
INGXELO YONYANGO
AMANQAKU:
Icandelo 24 (a) lithi le ngxelo iya kugcwaliswa ngugqirha obenyange lowo wenzakeleyo okanye lowo obhubhileyo obenyangwe loo manxeba asemzimbeni ebewafumene kwingozi leyo oluthi olu bango luvele ngenxa yayo okanye nguntsumpa wesibhedlele(okanye ummeli wakhe) apho lowo wenzakeleyo okanye obhubhileyo ebenyangwa khona.
Apho kukho iibhloko zokuba umntu aphendule umbuzo , yenza u-X kwibhloko efanelekileyo.
(a) Igama lomntu engaye le ngxelo .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
b Uyaneliseka ukuba ngulo mntu oxelwe kwinqaku 5 lale fomu yobango? EWE HAYI
Umhla owaqala ngawo ukumbona emva kwengozi.. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Wawukhe wamnyanga nanini na phambi kwengozi ? EWE HAYI
Ukuba EWE nika umhla wonyango olunjalo lokugqibela nohlobo lwesigulo, .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .. .
Iindawo zomzimba ezenzakeleyo nokuba wenzakele kangakanani : Intloko Isifuba Intamo Amazantsi esisu Umqolo Umntla Umzantsi werhorho amalungu
Kancinci.. .. .. .. .. .. .. .. .. ..
Kakhudlwana .. .. .. .. .. .. ..
Kakhulu .. .. .. .. .. .. .. .. ..
(a) Nika iinkcukacha zemo yokwenzakala (umzekelo ukwaphuka iimbambo ukwaphuka kaninzi intungo yasekhohlo njalo njalo, ukujijeka, njalo njalo )
Abahambi njengamaxhoba eengozi zendlela :
Omakwenziwe kwindawo yengozi
Bhala phantsi ezi nkcukacha zilandelayo :
Amagama apheleleyo, iinombolo ze-ID, iidilesi (ezasekhaya nezasemsebenzini)iinombolo zefowuni (ezasekhaya nezasemsebenzini) iinombolo zobhaliso zezithuthi zabaqhubi bonke abahambi namangqina
Inkcazo yezithuthi nabaqhubi
Iinkcukacha ngamagosa asemapoliseni awezihamba-ndlela nawe-ambulensi
Iinkcukacha ngabasebenzi betrakhi erhuqa izithuthi
Inzame yokuchaza izikhundla eziye zema kuzo izithuthi ngokuba kuphawulwe apha endleleni (ngetshokhwe, ngepeyinti ekhwivayo, njalo njalo)
Amanyathelo amakathathwe emva kwengozi:
Ukuba ingozi ayiphandwa yi-SAPS, zama ukufumana iingxelo kumangqina ngokukhawuleza
Zama ukuthatha iifoto zendawo yengozi kuba kaloku indawo ingatshintsha
Zama ukuthatha iifoto zomonakalo wezithuthi nokwenzakala, ukugruzuka, ukugruzuka kakhulu, ukujijeka
Zoba isiketshi sale ndawo yengozi kwaye uqiniseke ukuba inendawo yogqalo ukuze ibe nokukhupheleka
Qiniseka ukuba ugqirha onyangayo ubhala phantsi yonke into kwaye unika iinkcukacha nangonyango alunikileyo- ingakumbi apho unyango belunganikwa ngugqirha obeqhele ukulunika
Amaxwebhu amakagcinwe okanye afunyanwe emva kwengozi :
Iingxelo zesibhedlele, ezonyango ne /okanye ezempilo
Iinkcukacha zamaziko onyango noogqirha
Onke amatyala esibhedlele nawonyango
Iinkcukacha zobango lwezinto ezonakeleyo nesiphumo sobango
Ukuqhuba ebusuku
Amacebo ohambo lomgama omde
Mqaphele omnye umqhubi
Yiba nembeko endleleni
Bopha amabhanti :ukhusele ubomi
Amatayara angabulala
Iingcebiso eziluncedo
Ukuqhuba ebusuku
U-AA uthi ngenxa yokuhla kwenani lezihamba-ndlela, zimbalwa iingozi ezenzeka ebusuku kunasemini kodwa abantu ababhubha kwezi zasebusuku baninzi. Izinto ezidityaniswa neengozi zasebusuku kukudinwa, ukungazikisi ingqondo, utywala nokungaboni kakuhle kuba kumnyama. Inqanaba lokucingisisa lisezantsi, umntu ke ngoko usuke alithathe kade inyathelo engelithathe kwangoko.
Emva kokushiya indawo ekhanyayo, kuthatha ithuba eliyimizuzu engama-30 ukuba iliso lomntu liqhele indawo emnyama libone malunga nama-80 eepesenti , kungayithatha neyure phambi kokuba umntu abone kakuhle ebusuku. Kumalunga nama-20 eepesenti abantu abadala abangaboni kakuhle- bayashiyana- kusuka kukubona kufutshane kuye kukungaboni ebusuku. Umqhubi ofumanisa ukuba ukuqhuba ebusuku kuyamhlupha makadibane nogqirha wamehlo onokuthi mhlawumbi kufuneka angaqhubi ebusuku.
Kunqande ukujonga kumgama omnye kuba loo nto iya kwenza ukudinwa ngakumbi kwamehlo. Jonga kwiindawo ezisekupheleni kwale ndawo ilayitwe zizibane zemoto. Into engalayitanga kakuhle ibonakala bhetele ukuba ugqala kwicala elinye layo kunokuyijonga phakathi embindini. nje
Isantya masithotywe ebusuku, ukuze ungaqhubi ngaphezu kokubona kwakho- loo nto ithetha ukuthi kufuneka ukwazi ukumisa phantsi kwazo naziphi iimeko, kumgama olayitwe zizibane zakho. Ukuhamba ngomtha osezantsi , kufuna izantya eziphantsi.Imigama yokulandela esinye isithuthi kufuneka yandiswe ebusuku, ngaphandle kokuba uza kudlula esinye isithuthi, sigcine isithuthi esingaphambili kumgama okude nalo mtha, ungasiphandli.
Izibane mazithotywe sisekude esinye isithuthi esizayo. Ukuba omnye umqhubi akenzi nto danyazisa umzuzwana . Zama ukungaphindisi ngokuba nawe umphandle- kuyingozi engaphaya ukuphandlwa kwabaqhubi ababini endaweni yomnye.
Xa usiya usondela ngakwesinye isithuthi esiya kwelinye icala,ukwigophe ngasekhohlo, nceda thoba izibane kuba kaloku sisenokudlula kwelo gophe umphandle omnye umqhubi. Kwicala langasekunene izibane zakho ziya kukhanyela ngaphandle zingayi kwizihamba-ndlela ezizayo, kodwa ukuba umqhubi ozayo uyazithoba izibane zakhe, nawe yiba nembeko wenze kanjalo.
Izibane kufuneka zitshintshwe rhoqo ingakumbi xa kucetywa ihambo yasebusuku kwaye isithuthi silayishe kakhulu kunesiqhelo. Xa kukho abahambi ngasemva futhi nebhuthi igcwele isibane siya kukhanya kude kwaye isibane esikhulu siya kubaphandla abaqhubi abezayo singalayitanga endleleni. Uyacetyiswa ukuba uye kuzilungelelanisa izibane egaraji kodwa kwakufunekwa zijikwe kwakhona izibane xa zinomthwalo wesiqhelo.
Amacebo ohambo lomgama omde
Amanqaku omele ukuwakhumbula xa uhamba umgama omde nanga:
Ziphumze emva kweeyure ezimbini okanye emva kweekhilomitha ezingama-200.
Bophani amabhanti kwizitulo ezingaphambili nezingasemva.
Musa ukusela uphinde uqhube .
Sebenzisa izibane ezikhulu apho kungabonakali kakuhle , hayi izibane zokupakisha .
Gcina umgama wokulandela emva komnye oyimizuzwana emibini .
Dlula enye imoto xa kukhuseleke ngokupheleleyo ukuba wenze loo nto .
Musa ukusizalisa isithuthi ngaphezulu kunesicelo.
Qiniseka ukuba isithuthi sakho sikulungele ukuhamba endleleni phambi kokuba uhambe.
Yicwangcise kakuhle indlela eya kwiiholide zakho .
Yiba nembeko kwabanye abasebenzisi bendlela.
Mqaphele omnye umqhubi
Iimeko zemvula kunye nobumnyama: Abanye abaqhubi bangathathwa njengeziphazamisi endleleni kwiimeko ezinje. Funda ukuphawula abaqhubi abayingozi kwaye uqhube kude kunabo. Akukhathaliseki nokuba ucatshukiswe kangakanani nceda zibambe ungaphindisi ? ingazala enye into loo nto, isuke kuntlithwano iye kudubulwano. Abakwa-AA bayabacenga abaqhubi ukuba babonise inkathalo ingakumbi xa beqhuba ecaleni kwezinye zezi zinto zilandelayo:
Nasiphi isithuthi esiza kwenza umqhubi angaboni kakuhle- njengesithuthi esigcweleyo size singabinaso isipili sasecaleni.
Nasiphi isithuthi esimdaka, esinomhlwa, esinamalungu angekhoyo okanye esinombhobho oqhumayo.
Itrakhi emiswe kakubi okanye enomthwalo ongakhuselekanga, ukutsho oko enomthwalo ongabotshwanga kakuhle okanye imoto enomthwalo omkhulu kakhulu- umthwalo okanye inxalenye yawo ungawa.
Imoto ekhwelise abantwana abadlalayo okanye izilwanyana ezingamaqabane ? umqhubi usesichengeni sengozi okanye angangakhathali
Iimoto enezitikha ezifestileni , iingqumba zemithwalo, inani eliphezulu labahambi okanye iimpahla ezijingisiweyo- umqhubi usenokungaboni kakuhle.
Isithuthi esinomqhubi ongathi akazikisi ukucinga apha endleleni.
Umqhubi ophazamisayo ongakuvumeliyo ukuba udlule.
Isithuthi ?esigqib? indlela? ? mhlawumbi kukho umonakalo kwivili lokuqhuba okanye kwisaspenshini, okanye umqhubi unxilile okanye uyozela.
Kukho amaxesha emini, naweveki apho iingozi zenzeka rhoqo:
Xa lithi ndithenge naxa kusayo.
Ngamaxesha empangelo ekuseni naxa kugodukwa emalanga
Ngexesha lokuvala? kweebhari, iihotele neendawo zembutho(iiklabhu)
Emalanga xa abantwana bephuma ezikolweni .
Emva kwentlanganiso enkulu kawonke-wonke nangemidlalo yombhoxo okanye iintlanganiso zemidyarho.
Xa iphela iveki nangeempelaveki xa abantu besiya besela kakhulu.
Ngeemini zeholide zikawonke-wonke nangeempelaveki xa abaqhubi abaninzi bejolise ekubukeni iindawo ngaphezu kokuqhuba kakuhle.
Yiba nembeko endleleni
Akafanelanga umqhubi ukuba ahlale kwindledlana (ileyini) yasekunene aze anyanzelise ezinye izithuthi ukuba zidlule kuye ngasekhohlo kuba ebanga into yokuba uqhuba ngesantya esamkelekileyo emthethweni. Omnye imqhubi usenokuba nesizathu esivakalayo esimenza asidlule isantya esimisiweyo. Ukumvalela kungakhokelela kwimeko enobungozi apho ke ngoku omnye usenokuba nomsindo angakwazi ukuzibamba.
Ngomzuzu kaxakeka danyazisa izibane zakho zomzuzu wokuxakeka nezibane zakho ezikhulu uze uqhube ngesantya esikhuselekileyo. Yithobele imithetho yendlela ungaqhubi ngokungakhathali..
Le ngcebiso iphuma kwabakwa-AA ilandela iingxelo eziphuma kubaqhubi abazenza ?amapolisa? abavala indledlana yangasekunene apho kukho iindledlana ezininzi.
Naxa ukuqhuba kwindledlana yomzuzu kaxakeka emini kuvumelekile phantsi kwamagatya athile, izithuthi ezilandelayo azinalungelo zokutyhiliza ezinye izithuthi ngokuba zizinyanzele ukuba ziqhube ngaphaya komgca omthubi ukuze zona zidlule.
Abakwa-AA babongoza abaqhubi ukuba banyamezelane babenomonde ezindleleni baqhube ngokuzikhusela ngaphuzulu kokuba nomoya wokulwa.
Ukuba nembeko endleleni ? kwenza ukuqhuba kube mnandi kuye wonke umntu.
Bopha amabhanti: amabahanti akhusela ubomi
Yonke iminyaka eMzantsi Afrika kufa abantu abasondele kwi-10 000 ukuze abali-150 000 benzakale kwiingozi zendlela. Amanani abaphezulu kakhulu ngexesha leeholide zikaDisemba. Kuyintlungu enkulu ukulahleka kobomi kodwa nendleko yoqoqosho inkulu.
Kufuneka kubekho indlela yokuthoba oku kufa kungaka nale ntlungu. Inene kuyafuneka. Ifuna nje imizuzwana elishumi yokucinga nenyathelo. ?Imizuzwana elishumi enokusindisa ubomi bakho? ngumyalezo olula ongqalileyo. Umyalezo ngulo wokuba amanyathelo akhawulezileyo, alula asimahla athatha imizuzwana elishumi angakhusela ubomi. Ke ,loo manyathelo ?
Babeke ngalo lonke ixesha abantwana kwisihlalo sabantwana : Kuntlithwano apho isantya ingama-50 eekhilomitha ngeyure, umntwana ominyaka mine obunzima bungama-20 eekhilogrem angagila into yokuqala eqinileyo ngamandla angama-400 eekhilogrem. Ukusebenzisa isitulo somntwana esifakwe kakuhle kungalihlisa inani leengozi ezibulalayo ngama-75%. Ngoko sihlole isitulo somntwana esisemotweni yakho. Ingaba sifakwe ngokukhuselekileyo.? Ingaba siyisayizi eyiyo? Uyasisebenzisa na? Siyazi ukuba abantwana bangakhe bakhalaze okwexeshana. Kodwa kubhetele kwaloo nto kunokungena engozini.
Zibeke ngalo lonke ixesha impahla ebhuthini. Ukuba imoto kufuneka imise ngokungxama, incwadi yemephu engasemva iya kubetha abantu abasemotweni ngamandla ngokungathi ukhatywe ngekarati. Ikhamera yona ivele ifane nesiqhushumbisi sesandla ukuze sona isambuleni sifane nemisayili ebulalayo. Izinto/ impahla ebezithengwe lusapho zingabulala. Zifake ebhuthini.
Soloko usimisa ngendlela isitulo nale ndawo yokukhusela intloko. Yindawo yokukhusela intloko hayi eyokuyiphumza yenzelwe ukuba ikhusele ukupetyeka kwentamo, nto leyo ethanda ukwenzeka kwiingozi zemoto. Nakwizantya ezisezantsi ezingangeekhilomitha ezilishumi abantu basenokwenzakala kakhulu.
Soloko ulibopha ibhanti lakho kwaye uqiniseke ukuba wonke umntu osemotweni ulibophile. Siyaphinda, wasebenzise ngalo lonke ixesha amabhanti.
Abakwa-AA bayagxininisa ukuba asingomabhanti angaphambili kuphela amele ukuba abotshwe. Namabhanti angasemva ayabukhusela ubomi.
Kubalulekile ukusetyenziswa kwamabhanti kuhambo ngalunye, nokuba lufutshane kangakanani na, kubaluleke kumntu wonke osemotweni. Kuya kukhusela abahambi nabaqhubi ngokunjalo. Umhambi ongabophanga kwimoto ekwingozi yokuntlithana angabangquba abanye ngamandla alingana nawendlovu encinci.
Amanyathelo amane alula athatha imizuzwana kwaye anokukhusela ubomi. Wacinge.Kwaye wenze.
Amatayara angabulala
Abakwa-AA balwa ukungeniswa ngaphakathi elizweni kwamatayara angamasekeni athi asetyenziswe kwizithuthi ezikhwelisa amawaka-waka abantu.
Ngenxa yokungabikho kweendawo zamatayara ezisemgangathweni ishishini lamatayara linyanzelekile ukuba lifune amatayara kwamanye amazwe ukuze liwahlaziye. Naxa oku kufuneka kube nemvume, maninzi amatayara angenayo etsiba imida ukuze ke ngoku athengiselwe umnini wemoto okanye umnini wetekisi. Lawo angena ngemvume akukho siqinisekiso sokuba aya kubahlaziyi bamatayara abasemthethweni, kwaye akuhlolwa yonke imithwalo engenayo.
Khumbula- amatayara ngamalungu amancinane adibanisa indlela nesithuthi, kwimeko yemozulu eyomileyo okanye emanzi.
Iingcebiso eziluncedo
Oyena ndoqo phambi kokuthatha uhambo kukujonga ukhuseleko lwesithuthi. Izibane, izalathisi, izosuli zefesitile engaphambili emotweni, iziqhoboshi, ivili lokuqhuba, umxokelelwano wombhobho okhupha umoya namatayara mazihlolwe ngocoselelo. Abanini-moto abangaqinisekanga ngezithuthi zabo ukuba zikulungele na ukuba sendleleni bangenza uvavanyo lwezithuthi ngomrhumo ongephi kwiZiko loBuchwepheshe lakwa-AA elikhoyo kuMzantsi Afrika wonke.
Abanini-zimoto bayacetyiswa ukuba basoloko bene-fan belt nombhobho weradiyetha ebhuthini nokuba isithuthi emva kohlolo sifunyaniswe silungile. Oku kungonga ixesha nemali endleleni xa kukho umonakalo . Uyacetyiswa kwakhona ukuba uphathe esinye isitshixo se-ignishini.
Uyacetyiswa kwakhona ukuba phambi kokuba uthathe uhambo olude jonga iipolisi ze-inshorensi. Kufuneka ii-inshorensi zezithuthi, ezendlu nezobomi zibe semgceni.
Ukuziswa kwephephandaba nobisi makumiswe kwaye izilwanyana ezingamaqabane zilungiselelwe. Esinye isilumkiso sesokuba abahambi mabazise isikhululo samapolisa esikufutshane ukuba baza kuhamba.
Iintsapho ezihamba kwindlela ezingayiqhelanga mazicwangcise uhambo lwazo. Abakwa-AA banika amalungu abo iimephu zendlela, izicwangciso zedolophu, iibhrowutsha neengxelo zendlela. Ukuba ufuna isicwangciso sohambo sakho bangakwenzela njengelungu. Kuhle ukusebenzisa indlela yomntu wonke , hayi indlela ezibetha ngemva nokuba zimfutshane.
Abakwa-AA balawula imixokelelwano ye-SOS efakwe liSebe lezoThutho koohola bendlela. Iifowuni ze?SOS zishiyana ngeekhilomitha ezimbini, uncedo luyafumaneka ngefowuni.
Xa kuhanjwa abanini-moto mabaqinisekise ukhuseleko lwabo nolweentsapho zabo nolwabanye abasebenzisi bendlela ngokuba babophe amabhanti kwaye bavule isithuba semizuzwana emibini emva kwesithuthi abasilandelayo. Umgama wokulandela mawandiswe ebusuku kwiimeko zenkungu nemvula naxa indlela imanzi.
Ukudinwa nokudinwa kwamehlo kunganqandwa ngokuba kumane kumiswa. Nokutshintsha-tshintsha abaqhubi kulungile. Kucetyiswa ukuba kuphunyulwe emva kweeyure ezimbini okanye emva kwama-200 eekhilomitha, oku kuya kulihlisa izinga lokudinwa.
Iimoto mazitshixwe xa zingenamntu kwaye makungashiywa izinto ezibalulekileyo esichengeni apho zinokubonwa ngabadlulayo. Musa ukushiya abantwana okanye izilwanyana ezingamaqabane kwimoto etshixiweyo, ubushushu obukhulayo ngaphakathi bunokubangela ukudinwa, ukufa icala okanye ukufa.
Kubalulekile ukuba abanini-moto baphathe iilayisenisi zabo ngalo lonke ixesha. Oku kufunwa ngumthetho.
Iingcebiso nokusigcina emgangathweni isithuthi
Into omawuyenze xa unengozi
Ukuhlola ivili lokuqhuba
Izilumkiso xa usebenza emotweni
Ukumisa ungathandanga
Ukugcina amatayara emgangathweni
Into omawuyenze xa unengozi
Untlithwano nemimiselo esemthethweni:
Misa ngoko nangoko.
Jonga ukuba ukwenzakala kungakanani na kwaye unike uncedo kwabenzakeleyo.
Biza amapolisa okanye i-ambulensi ukuba kukho obhubhileyo okanye owenzakaeleyo.
Jonga ukuba ithini na imo yomonakalo
Ukuba isithuthi sivala indlela yonke, ungasisusa emveni kokuba uyiphawulwe indawo ebesikuyo kodwa ukuba kukho umntu obhubhileyo okanye owenzakeleyo ungakwenza oko emveni kokuba ufumene imvume kumagosa endlela.
Veza ilayisenisi yakho yokuqhuba uze uxele emapoliseni ingozi leyo zingaphelanga iiyure ezingama-24 uze ufumane nenombolo esisalathisi eza kufunwa yi-inshorensi.
Izilumkiso
Bhala ingxelo ngale ndawo yengozi ngokwenza iziketshi, ukuba kukho indlela, thatha neefoto.
Musa ukwenza iintetho ezingakubek?ityala kwaye sukuvuma ityala.
Bhala iinkcukacha zabanye namangqina neemeko zolu ntlithwano.
Musa ukubasusa abantu abenzakele kakhulu kwaye nceda ngoko ukwaziyo ukukwenza okanye ngokoqeqesho onalo.
Qiniseka ukuba isithuthi sakho sirhuqwa ngumboneleli weenkonzo zokurhuqa owaziwayo kwaye fumanisa ukuba uza kubizwa malini, yonke loo nto ibhalwe phantsi phambi kokuba isithuthi sakho sithathwe.
Qaphela: Ubungakanani be-alikhoholi evumelekileyo emzimbeni yi-0,05 iigrem kwigazi elili-100 leemililitha kubaqhubi babucala kanti kubaqhubi ekungumsebenzi wabo ukuqhuba yi-0,02. Lo mda awumisi inani lokuba ungasela kangakanani na kuba oko kuxhomekeke kubunzima bomzimba wakho, kodwa i-avareji yomzimba engama-(85kg) ingaziiglasi ezimbini zewayini.
Iinombolo zomzuzu kaxakeka : Amapolisa : 10111
Ukuhlola ivili lokuqhuba
Iimoto zenzelwe ukuba zihambe kwindlela eme kakuhle okanye egobe nje kancinci. Oko kuthetha ukuba ukuba uliyeka lihambe eli vili kwindlela ethe tyaba imoto imele ihlale ithe ngqo ithutyana phambi kokuba ikekelele ngasekhohlo ngenxa yokuma kwendlela. Ukuba iyabhadula kancinci iya ngapha nangapha kungenziwa oko ngamavili angalungelalananga, ivili lokuqhuba eliyekeyeke okanye umthwalo ongabekwanga ngokulungelelana.
Ukuba isithuthi siyaqala siya ecaleni ngomzuzu nje usiyeka, loo nto ingenziwa kukungalingani komoya kumathayara asekhohlo nawasekunene, amatayara angalinaniyo, isipringi esaphukileyo okanye esigugileyo. Mhlawumbi isenokuba ngomnye umonakakalo obuxelwe kumhlathi ongentla.
Ukuba ujika ikona ebukhali ukuze ivili lokuqhuba lingavumi ukubuyela ngqo okanye kufuneka ulijije ngamandla, oko kungenziwa ngumoya osezantsi kumathayara, izidibanisi ezibopheneyo zevili lakuqhuba, iingalo zesaspenshini ezonakaleyo, ukungalungelelani kwegiye yevili lokuqhuba okanye izipringi ezigugileyo. Ukuba ivili lokuqhuba alinamandla okuzijikela, mhlawumbi ifluwidi isezantsi, impompo inomonakalo, isivingco sesipulu sincangathi, ibhanti liyekeyeke okanye kukuvaleka kombhobho.
Ukujika kwevili lokuqhuba ngamandla kungabangela ukubuya kwalo kwangeso santya. Ukungemi kakuhle kwevili lokuqhuba kunokubangelwa kukungadibani kwalo kakuhle, ibhokisi yeli vili okanye ivili langaphambili elingalungelelana. Umoya kwivili elinamandla okuzijika ungabangela ukujika kwalo ngamandla.
Ukutshixiza kwamatayara kwiikona kubangwa luxinzelelo olusezantsi kumathayara kodwa kusenokubangelwa ligophe.
Izilumkiso xa usebenza kwisithuthi
Musa ukuthemba ujeke. Kungcono uthenge izinto zokumisa eziqinileyo uze usebenzise zona ngalo lonke ixesha ufuna ukungena ngaphantsi kwemoto.
Susa i-earth strap kwibhetri ukuze ingaqalisi injini ngempazamo, iqalise umlilo okanye yenze shushu ijuwelari okanye iwotshi yakho ukuba ubambe ucingo oluvulekileyo.
Qiniseka ukuba zonke izinto zombane zicinyiwe xa ususa i-strap, okanye kungakho intlantsi enokwenza ibhetri idubule.
Musa ukushiya izixhobo phezu kwebhetri apho zinokwenza ishothi kwitheminali kuze kudaleke intlantsi.
Mazibe kude iimpahla neenwele ezingabotshwanga kumalungu ashukumayo.
Nxiba izinto ezikhusela amehlo xa amehlo akho ekumngcipheko , mhlawumbi xa ujija okanye ubhola.
Musa ukuyizalisa ngokugqithileyo i-sump okanye nayiphi indawo enguvimba kuba isenokonakalisa izivalo okanye yenze izinto zingasebenzi kakuhle.
Musa ukusisusa isivalo seradiyetha kumxokelelwano wokupholisa. Ukuba kufuneka uvulile, bamba ngesiziba apha kwisiciko kwaye ume ecaleni uvule kancinci uthe chu.
Musa ukugalela amanzi abandayo kwinjini eshushu kuba loo nto ingabangela umonakalo. Ukuba awunandlela yimbi, wagalele amanzi kancinci ngeli xesha injini ihambayo.
Musa ukuvumela abantwana okanye izilwanyana zibe kufutshne nemoto ngoku uyisebenzayo.
Nceda yiba nesicimi-mlilo kufutshane nendawo osebenza kuyo.
Musa ukuzama ukucima idangatye lombane ngamanzi, kungcono usebenzise isanti.
Qaphela xa uphethe ibhetri okanye uyisebenza kuba kaloku i-asidi echithekileyo ingenza imigqobho empahleni yakho okanye ikonakalise isikhumba.
Musa ukuyidumisa ixesha elide injini kwindawo evalekileyo.
Ipetroli awunakuyithemba, ingakumbi xa ingumoya ngenxa yokuba wawukhe wayichitha kumbhobho oshushu akwenzeka nto awunakuthi angekhe kwenzeke nto kwixesha elizayo.
Ukumisa ungathandanga
Wenza ntoni xa imoto yakho ivele ime? Thatha iselula yakho. Kodwa kuhle ukhangele ukuba yintoni umonakalo. Ukuba kukho iingxolo ezitshixizayo okanye amavili atshixekile , loo nto ithetha ukuba ingxaki inkulu. Ukuba akukho ngxolo noko kukho ithemba lokuba ingxaki ayikho nkulu.
Inyathelo lokuqala kukujonga kwibhonethi ukuba akukho ngcingo zaphukileyo na, impompo yamafutha eyaphukileyo okanye nayiphi enye into enokuba iyavuza. Ukuba akukho nto ibonakala ingumonaklao ungenza oku kulandelayo:
Igeyiji yamafutha ibonisa ntoni? Ukuphelelwa yipetroli yinto eyenzakayo nakubani na.
Hlola indawo enokuba nentlantsi eqinileyo. Susa enye yeentambo zeplagi uze uyibambe uyisondeze ngakule ndawo isisinyithi uze ususe intloko yesilinda ngeli xesha omnye ajija isihambisi-njini i-ignishini ilayitiwe. Qiniseka ukuba awuphathi nanye indawo esisinyithi yentambo yeplagi okanye ungothuka kakubi. Umele ubone intlantsi ebhlowu eqinileyo, ukuba ibuthathaka kwaye imthubi, okanye akukho phawu lwantlantsi , khangela i-roto arm phantsi kwesiciko sedistribhiyutha, uqiniseke ukuba ayophukanga okanye ayiguganga. Hlola kwakhona ibhrashi yekhabhoni embindini wesiciko ukuba iyadibana na ne-rotor arm. Ukuba ezi zinto zonke zime kakuhle, jonga kwicala elingaqinanga kakhulu.
Ucingo olungaqinanga lusuka kwikhoyili ye-ignishini luye kwicala ledistribhiyutha. Lucingwana olubhityileyo oluthanda ukophuka kule ndawo lungena kuyo kwidistribhiyutha. Ukuba lume kakuhle kwaye ukuba imoto inedistribhiyutha yakudala eenepoyintsi, kufuneka ke ususe isiciko sedistribhiyutha uze uvule iipoyinti ngeskrudrayiva ngoku ilayitiweyo i-ignishini. Kumele kuvele intlantasana njengokuba uvula iipoyinti. Ukuba intlantsi iyabonakala ngoko ke ungathatha ngokuba eli cala lingaqinanga kakhulu lilungile kodwa ukuba ayikho ithetha ukuba kukho undonakale kwiingcingo. Ukuba iipoyinti zivulekile xa ususa isiciko kufuneka ujikelezise injini ngesihambisi-njini de zivaleke phambi kokuba uzame ukuzivula.
Into yokugqibela omawuyihlole kukuba amafutha ayafika kwikhaboretha. Susa indawo engasentla kwisicoci-moya ujonge ukuba amafutha akakhwivi na kumqala wekhebhu ukuba ujija ingalo ethe nca kwi-throttle butterfly.
Olu hlolo luya kukunceda ufumane oonobangela bokuba imoto ime ungayimisanga.
Amatayara makahlolwe rhoqo kwaye olu luhlu lulandelalyo lubalula ezinye izinto emazijongwe. Ukuba enye yezi meko ikho yiya kwingcali yamatayara.
Ukuphela icala. Oku kwenzeka ngeendlela ezahlukeneyo. Ukuguda kwethayara ngaphakathi nangaphandle kwalatha umonakalo.
Ukutyeka ngaphakathi. Lo monakalo wenziwa luxinzelelo oluphezulu lwamatayara. Ukuqhuba ngesantya esiphezulu imigama emide, mathayara ekumgangatho osezantsi kungawenza lo monakalo kuba ukuhamba ngesantya esili-120km/h kulitya ngokukhawuleza okuphindwe kabini ithayara xa uhamba ngama-70km/h.
Ukutyeka ngaphakathi nangaphandle. Ukuphela komphandle nomphakathi kungathetha ukuba uxinzeklelo kumathayara bolusezantsi kwisantya sesiqhelo.
Kubalulekile ukuba amatayara abe noxinzeleleo olululo. Ukuba lusezantsi luyawachapahazela amatayara ngeendlela ezininzi.
Xa isantya sinyuka kubakho into eyenzekayo apha kwitredi eyenza ubushushu obugqithileyo ukuze kwenzeke umonakalo kwisakhiwo ,loyisakale ithayara. Oku kuya kuchaphazela ukusebenza kwevili lokuqhuba, nozinzo lwesithuthi. Nokuhamba ngamaxesha athile ngoxinzelelo olusezantsi, nokuzaliswa kakhulu kwesithuthi kunokwenza umonakalo ohamba uhambe ude uvele.
Uxinzelelo lwamatayara nolo lwethayara lokulalelisa kufuneka luhlolwe kanye ngeveki phambi kokuba abe shushu amatayara, oku kuthetha ukuba phambi komgama we-10km, kusetyenziswe igeyiji eyiyo.
Iziciko zevalvu ezingekhoyo mazifunwe zibuyiselwe ukunqanda uthuli ukuba lungavali ivalvu kuba loo nto ingenza uxinzeleleo lomoya lulahleke.
Utshintsha-tshintsho lwamatayara luyancoywa zezinye iinkampani , ezinye azithethi nto kanti yena u-BMW uyalukhaba. Ukuwatshintsha-tshintsha kwenza aguge ngokulinganayo kodwa ekugqibeleni kufuneka ethengwe onke ngexesha elinye, idla kakhulu ke loo nto.
Le modyuli iya kusinika ithuba lokuba sikhe sijonge uMgaqo-siseko kaZwelonke woshishino kwanendlela imigaqo-siseko yeengingqi ezimise ngayo ukuba ixhase iimbono zeBhunga likaZwelonke.
Kuphuhlisa ukuziqonda iindima ezahlukeneyo ze-SANTACO.
Kuhlola imiqathango exhasa umbutho
Kuyiqaphela injongo nesakhiwo soMgaqo-siseko omncinane osemgangathweni weMibutho yeeTekisi..
Ukwaneliseka yiyo nantoni na ngeenkonzo zabamanyama kwakhokelela kwishishini elingalawulwayo, elingaluqhubi kakuhle urhwebo kwaye elinobundlobongela, ugrogriso nokuxhatshazwa.
Eyona njongo ephambili yeBhunga laseMzantsi Afrika likaZwelonke leetekisi (i-SANTACO) kukuseka ishishini lothutho leetekisi elinganabundlobongela, elimanyeneyo,, elinedemokhrasi nelikhutheleyo elikhonza isizwe ngothutho olungumzekelo, olufikelelekayo nolukhuselekileyo eliqwalasele zonke izinto ezakha ishishini leetekisi.
Iinjongo ze-SANTACO zichazwe zacaciswa phantsi kwezi ndima zilandelayo:
Indima yokumela neyolawulo
Indima yemimiselo
Indima yenguqu kushishino noqoqosho
Indima yentlalo
Indima yengcebiso
Indima yokumela neyolawulo
Ukubonisana nokuthethana norhulumente kumanqanaba onke.
Ulungelelwaniso lwezimvo zamalungu alo kwimibandela yeshishini nokumelwa kwamalungu kumaqela engingqi, esithili, ephondo, kazwelonke, elizwe lase-Afrika nelizwe jikelele..
Ulungiselelo lokuba amalungu afumane inkonzo yolawulo echanekileyo, eyimelayo into, engafihli nto nechubekileyo
Ukumela ishishini leetekisi nokuba kuphi nokuba kunini xa kufuneka njalo.
Indima yenguqu kushishino noqoqosho
Ukukhuthaza ukuxhotyiswa kwabamnyama kwezoqoqosho kwishishini lothutho.
Ukutshintsha indlela ababona ngayo kwanengqondo zabanini beebhasi ezincinci kwanabasebenzi baqonde ukuba akhona amanye amathuba amaninzi kwishishini lothutho.
Ukukhuthaza intsebenziswano nosetyenziso lweendlela ezininzi phakathi kweendidi ezahlukeneyo zothutho.
Ukuguqula ishishini leetekisi libe lishishini elikhulu nelinika inkonzo yothutho ngokuhambiselana neemfuno ezitshintshayo zokusebenza kwintloko yoThutho lwaseMzantsi Afrika namashishini amanyeneyo.
Indima yentlalo
Ukuqinisekisa ukuba ishishini leetekisi ezizibhasi ezincinane lidlala indima ebonakalayo kukhuseleko ezindleleni nakuthutho lwabantu olukhuselekileyo nolunenkathalo.
Ukukhuthaza ukwenziwa nokusetyenziswa kwezixhobo ezingangxoli kakhulu ezikulungeleyo okusingqongileyo ekunikweni kweenkonzo zothutho,ukusetyenziswa kwemithombo yendalo nokungcoliseka ukuncinci kwamanzi nomoya.
Ukuqinisekisa ukuba amalungu alo ayaqonda ukuba ayabandakanyeka ekunikweni kweenkonzo zikawonke-wonke ezinemiphumela ebalulekileyo kuwonke-wonke kwaye kufuneka ziqhube ngendlela enenkathalo.
Ukufundisa uluntu ngokhuseleko endleleni namanye amanyathelo okhuseleko.
Ukwenza kubekho abantu abanamagunya okujongana nezikhalazo ezingokunikwa kweenkonzo kwishishini.
Indima yengcebiso
Ukuphuhlisa imiqathango nemimiselo yokulawula ukhuseleko lweshishini lothutho ngokuchanekileyo nangenkuthalo.
Ukuqalisa, ukukhuthaza nokugxeka ngendlela eyakhayo kwaye kuchaswe uwiso-mthetho okanye ulungiso okanye utshintsho emthethweni, kwinkqubo echaphazela ishishini lothutho.
Ukungazivumeli izenzo ezenzelwa ukunyathela amalungelo eshishini lothutho nawamalungu.
Ukuba lilungu okanye ukusebenzisana namaqela asemxholweni ngaphakathi nangaphandle kweRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika, ngokomdla weshishini lothutho lweebhasi ezincinci.
Eli candelo loMgaqo-siseko lichaza:
Umbutho ?njengomntu ongumqondisi-mthetho? obhaliswe njengecandelo lama-21 leNkampani.
Nokuzinikela kwayo ekuziseni idemokhrasi nenkqubela-phambili kumabutho asekuhlaleni anembali yokuhleleleka kwishishini lothutho likawonke-wonke.
IMITHETHO-SISEKO
Eli candelo lomgaqo-siseko lijongene nemithetho-siseko emininzi emisela isakhiwo, ubulungu, imiqathango, imimiselo, amaphulo oshishini, ululeko neemfanelo zemvumelwano ze-SANTACO.
UMTHETHO-SISEKO 1: UBULUNGU
Isishwankathelo seenkcukacha:
Iimeko zokungenela
Amalungelo noxanduva nenyathelo loluleko neminye imibandela ekweli candelo.
UMTHETHO ?SISEKO 2 ?16: ISAKHIWO SOMBUTHO
Eli candelo lijongene nokwakheka kombutho.
Umzobo olandelayo ubonisa amanqanaba onxibelelwano. Imisebenzi noxanduva lwezakhiwo ezincinci nabantu icaciswe kwizintlu zazo..
UMTHETHO-SISEKO 17: ULULEKO
Eli candelo lijongene namatyala ohlukeneyo namanyathelo oluleko aza kuthathelwa abantu ngabanye.
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi: iModyuli 5 : Umsebenzi 1 SANTACO
Lo msebenzi ujongene nezinye iZahluko phantsi kwemithetho-siseko nokubaluleka kwembasa yeBhunga. (Imithetho-siseko 18-25)
IKOMITI YOMGAQO-NKQUBO NOLAWULO
Eli candelo loMgaqo-siseko lijongene nemigaqo-nkqubo namaqumrhu asebenzela ukuphumeza umbono nenjongo ye-SANTACO.
ISIPHUMO
Kwesi sahluko uza:
Kuqonda injongo nesakhiwo soMgaqo-siseko omncinane weMibutho yeeTekisi.
Umbutho weeTekisi weNgingqi uya kuba namalungu angama-30 ubuncinane abufaneleyo ubulungu ngokwemigqaliselo yoMgaqo-siseko woMbutho weNgingqi. UMbutho weNgingqi unganamalungu angaphantsi kwama-30 xa kukho imvume ebhaliweyo ye-PMC yeBhunga leetekisi lePhondo ebiceliwe yaze yanikwa.
Uya kuba mnye kuphela uMbutho weNgigqi owamkelwayo ngokomda wendawo. Ungajikwa ke lo mthetho emva kwemvume ebhaliweyo ye-PMC yeBhunga leeTekisi lePhondo ikunye neye- SANTACO ibiceliwe yaze yavunywa.
Umgaqo-siseko osebenza phantsi kwawo uMbutho weeTekisi kufuneka ube nolu lwazi: :
Igama nenombolo yobhaliso yoMbuhto neenkcukacha zokunikwa indawo
Ubume bombutho
Ukwakhiwa kombutho
Iinjongo
Iindawo ekusetyenzwa kuzo (iindlela ezibhalisiweyo ezisebenza amalungu ombutho kufuneka zidweliswe ngumbutho).
Ikomiti elawulayo yombutho ikunye ne:
Inkcazo ngokufaneleka kokukhethwa nokonyulwa kwamalungu e-ofisi
Ukwakhiwa kwekomiti
Ukususwa e-ofisini
Ukufakwa kwabanye endaweni yamalungu ekomiti elawulayo
Imisebenzi noxanduva.
Iintlanganiso zekomiti elawulayo.
Ikomiti ezikhoyo: ziya kukhethwa ukuba zilawule zenze imisebenzi ethile apha embuthweni enjengale:
Imisebenzi yoluleko
Ikomiti yezemali
Uqeqesho nophuhliso
Ukulungiswa kwezikhalazo
Ubulungu bombutho
Imigaqo yokuba ube lilungu
Ukupheliswa kobulungu
Inkqubo yokwenza isicelo
Inkqubo yokubhena
Imisebenzi namalungelo amalungu.
Uluhlu lwabangamalungu
Imirhumo yobulungu .
Ikhoram
I-ajenda nemizuzu
Ukuvota
Unyulo lwamalungu e-ofisi
Amaphepha engxelo-mali
Iintlanganiso jikelele ezizodwa
Amalungelo okubiza iNtlanganiso jikelele eyodwa (SGM)
Intlanganiso jikelele yamalungu.
Uphicotho lwemali nolwangaphandle
I-akhawunti yebhanki
Imirhumo yonyaka yobulungu
Unyaka-mali
Amaphepha engxelo-mali
Uphicotho lwangaphandle
Ukulungiswa kwenkcitho
Imisebenzi yoluleko
Inkqubo yoluleko
Inkqubo yokubhena
Inkqubo yezikhalazo
Iinjongo
Ikomiti yezikhalazo
Imigangatho yenkqubo yezikhalazo
Inqanaba 1: Ukusombulula ungquzulwano
Inqanaba 2: Ukulamla
Inqanaba 3: Uxolelwaniso
Ukulungiswa koMgaqo-nkqubo
Umdibaniso
Ukuchitha umbutho
Isihlomelo:
Ifomu yezikhalazo
Ingqokelela yemithetho yokuziphatha
Bhekisa kuMsebenzi 2 iModyuli 5 kwincwadi yomsebenzi.
Nika ingxelo kwiqela lonke.
UMTHETHO-SISEKO 18: IMIQATHANGO NEMIMISELO
UMTHETHO-SISEKO 19: ISICWANGCISO SOMNTU OMAKALANDELE KWIMEKO YOKUPHELELWA OKANYE UKUFA
UMTHETHO-SISEKO 20: AMAPHULO OSHISHINO
UMTHETHO-SISEKO 21: IZILUNGISO
UMTHETHO-SISEKO 22: INKOMFA EYODWA
UMTHETHO-SISEKO 23: IMFANELO YEMVUMELWANO
UMTHETHO-SISEKO 25: UKUCHITHA/UKUPHELISA
UMGAQO-SISEKO OMNCINANE OSEMGANGATHWENI WEMIBUTHO YEETEKISI
Sebenzisa uxwebhu lwakho loMgaqo-siseko ufumane iimpendulo zemibuzo elandelayo:
Umbuzo 1. Ingaba umsebenzi olandelayo ngomnye weenjongo ezixeliweyo zombutho? Ukuqinisekisa ukuba amalungu asebenza ngokwegunya leelayisenisi zabo nangokomthetho nje ngokubanzi?
Umbuzo 3. Xela imisebenzi emithathu yeKomiti elawulayo
Umbuzo 4. Idlala yiphi indima iKomiti ekhoyo kuqeqesho nophuhliso kwaye kufuneka abe mangaphi amalungu ?
Umbuzo 5. Xoxa ngemeko enye apho ubulungu bunokupheliswa.
Question 6. Mangaphi amalungu enza ikhoram xa kukho intlanganiso yonyaka (i-AGM)
Umbuzo 8. Mangaphi amalungu ekufuneka abe yinxalenye yokuvulwa kwe- akhawunti yebhanki yombutho?
Umbuzo 9. Mangaphi amalungu (%) ekufuneka ekho ukuze kube nokuthathwa isigqibo sokuchitha umbutho?
INKQUBO-SIKHOKELO KAZWELONKE YEZIFUNDO EZIPHUNYELELWEYO
Njengoko siqhuba kulemodyuli uya kuqonda oku:
Abantu abanebango abohlukeneyo ababandakanyekayo
Amanqanaba ezifundo eziphunyelelweyo
Kwenza umsetyenzana wokumatanisa oza kwenza ukuba uyiqonde i-NQF ukuba ingantoni na.
Kuxoxa ngeemeko eziza kukunceda uphendule imibuzo enxulumene nokufunda kokuqala (RPL) novavanyo.
Kuphawula amathuba oqeqesho kwishishini leetekisi.
UKWAZISA INKQUBO-SIKHOKELO KAZWELONKE YEZIFUNDO EZIPHUNYELELWEYO
Injongo yale ntshayelelo kukukunika isiseko esiya kukwenza ukwazi ukulandela iingxoxo namaqumrhu abandakanyekayo kwimfundo noqeqesho.
Apha siza kukwazisa ngokufutshane ngamaqumrhu neendlela ezibekiweyo ukuqinisekisa ukuba imfundo noqeqesho ezisemgangathweni ziyaqhubeka.
Esi silandelayo sisikhokelo esiya kusisebenzisa njengesalathisi xa sisebenza kwezi Modyuli 6, 7 & 8.
Iziphumo :
Kweli candelo uza:
Kubonisa ukuqonda kwakutheni zekubekho iNkqubo-sikhokelo kaZwelonke yeZifundo Eziphunyelelweyo kwaye yenziwa kanjani loo nto.
Inkqubo-sikhokelo kaZwelonke yeZifundo Eziphunyelelweyo (NQF)
Masikunike imizekelo embalwa yale mithetho-siseko ukuze ube nokuqonda ukubaluleka kwe-NQF.
Umthetho-siseko
Umzekelo
Ukwamkeleka
Ukuhlanganisa
Kudibanisa imfundo noqeqesho. Ngale nkqubo uyakwazi ukusuka kwenye indawo yokufunda uye kwenye.
Ukwamkelwa kwemfundo yokuqala
Nge-NQF ungamkelwa ngenxa yoko okufundileyo nokuba bekucwangcisiweyo okanye kungacwangciswanga. Uya kuvavanywa koko okufundileyo uze ubekwe kwinqanaba elifanelekileyo lemfundo noqeqesho.
UTshepo usebenze kwifektri yepeyinti iminyaka emininzi njengowongameleyo. Uthunyelwe kwiikhosi ezimfutshane ezininzi zolawulo lwabasebenzi kwaye unezatifiketi. Ufake izicelo zemisebenzi emininzi waze waxelelwa ukuba azamkelwa.
Nge-NQF, amava kaTshepo? neekhosi azenzileyo ezimfutshane zingavavanywa ukuze zamkeleke. Angasebenza kwisebe lomthombo woluntu kwinkampani apho izakhono zobuchwepheshe zidityaniswe namava akhe kumgangatho wevenkile nomdla ekuxhaseni abasebenzi, zingamenza awufanele umsebenzi wokusebenza ngabantu..
Ufikelelo
USipho ube ngumqhubi wetekisi iminyaka emine eRhawutini. Ukugqibela kwakhe ukuphuma wahlangana nengozi waze walahlekelwa ngumlenze , nto leyo eyamenza akakwazi ukuqhuba. Ngeli xesha wayesaqhuba wabonisa umdla kwizinto zombane , emana elungisa izinto efakela nezinto zombane emizini yabantu. Wafunda izakhono ezininzi eziluncedo.
Endaweni yokuhlala ekhaya acinge okokuba kuphelile ngaye, angenza isigqibo sokuba aqeqeshwe njengencutshe yombane. Izakhono aziphuhlisileyo ezinokumnceda ayigqibe ikhosi, ziya kuvavanywa kwaye angafumana iikhredithi ngazo.
Eminye imithetho-siseko ebalulekileyo inikiwe ngezantsi kodwa ayichazwanga. Funa olunye ulwazi ngezi zinto kwaye uya kuqalisa ukukuqonda ukubaluleka kwe-NQF!
Ukubasemthethweni; Ukuba semxholweni; Ukuyilungela imeko; Ukuqhubela phambili; Ukuphatheka; Ukucacisa
Ibhendi
Uhlobo lwezifundo eziphunyelelweyo
Imfundo Ephakamileyo noQeqesho
Uphando olungaphaya kwezifundo zobugqirha
Izifundo zobugqirha
Izifundo eziphunyelelweyo zokwenza umsebenzi othile
Izidanga zokuqala zikazwelonke
Iidiploma zikaZwelonke
Imfundo eya phambili noqeqesho (FETC)
Imfundo eya Phambili noQeqesho
Isatifiketi seMfundo Jikelele noQeqesho (GETC)
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi:
Umboniso 1:
Umfundi omdala onebanga lesi- 6
NdinguThabo ndineminayka engama-25 ubudala. Ndaphuma esikolweni emva kwebanga lesi-6. Ndingumqhubi wetekisi kodwa ndinqwenela ukuba ngumcwangcisi-mali.
UThabo kufuneka afumane indledlana yokufunda ukuze aphumelele izifundo kwibhendi i-FET. Amava akhe adlulileyo aya kuvavanywa ngokweziphumo zesifundo nemigangatho yovavanyo. Ke ngoku angakhetha icala elisemxholweni kwibhendi ye-FET kwaye akugqiba ukufunda kwinqanaba lesi-4 angaqhuba nomsebenzi wakhe.
Umboniso 2
NdinguVusi kwaye ndisebenze njengomsebenzi weziqhoboshi kwishishini lobunjineli uninzi leminyaka. Abaqeshi bam bandithumela kwiikhosi kwiziko loqeqesho lenkampani yethu ukuze niphuhlise izakhono zam endifumene izatifiketi ngazo. Inkampani yam iqulunqwa ngokutsha kwaye ndiyoyika ukudendwa. Ndingathanda ukufaka isicelo somsebenzi kwelinye ishishini, kodwa ndixelelwe ukuba izatifiketi zam azamkelwa. Ndinqwenela ukuba ndibe ligcisa, mhlawumbi umfakeli okanye umguquli. Ingaba izakhono nolwazi lwam ziya kubalwa okanye kufuneka ndiqale ekuqaleni?
Nge-NQF, iikhredithi zikaVusi ziya kubhaliswa kwingxelo yakhe yokufunda. Uya kukwazi ukuzisebenzisa ezo zisemxholweni kumsebenzi omtsha okanye kwimeko yokufunda. Ngezi khredithi zamkelweyo angaqhubela phambili kwindledlana yakhe yomsebenzi kwelinye ishishini okanye akhethe indledlana yokufunda eza kumphumelelisa abe ligcisa.
Abantu bahamba kanjani phakathi kwamanqanaba ohlukeneyo?
Uya kuzifumana njani izifundo eziphunyelelweyo?
Imizekelo yezifundo eziphunyelelweyo:
Isatifiketi seMfundo Jikelele noQeqesho (Inqanaba 1)
Imfundo eya Phambili noQeqesho : Incutshe yombane (Inqanaba 4)
IDiploma kaZwelonke yobuTitshala (Inqanaba 5)
INKQUBO-SIKHOKELO KAZWELONKE YEZIFUNDO EZIPHUNYELELWEYO
Matanisa amagama akuluhlu A nezimvo/ izivakalisi phantsi koluhlu B Bhala inombolo kuLuhlu A nonobumba ohambelanayo kuLuhlu B .
Uluhlu A
Amagama
Uluhlu B
A. Isiphumo senkqubo yokufunda esibhekisa kwinto onokuyenza noyaziyo
Indledlana yokufunda
B. Ukubekwa ngokubanzi ngokwamaqela kwamanqanaba emfundo noqeqesho anokuquka ngaphezulu kwenqanaba elinye lezifundo eziphunyelelweyo inqanaba
C. Ukubonisa izidingo zokufunda zophuhliso lwabantwana kwibhendi enyanzelekileyo yokuhamba isikolo yemfundo jikelele noqeqesho iziphumo
D. Isicwangciso sokufunda osidingayo ukuze uqhubele phambili kwindledlana oyikhethileyo ibhendi
E. Indlela yokuthatha umlinganiselo woko okuqondayo isigaba
F. Ukwamkelwa kwento yokuba usizuzile isiphumo seyunithi yomsebenzi.
uvavanyo
a Umsebenzi wasekhaya ongaphumelelanga iBanga 3 Isigaba 5 ?
b U-Caroline oneminyaka engama-35 owaphuma esikolweni emva kweBanga 6 Isigaba 8
c Umqhubi wetekisi ophumelele iBanga 8 isigaba 10 kwaye usafuna ukuqhuba afunde d Umqhubi wetekisi ogqibe imatriki kwaye ofuna ukufunda etekhnikhoni.
Ibhendi
Uhlobo lwezifundo eziphunyelelweyo
Imfundo Ephakamileyo noQeqesho
Uphando olungaphaya kwezifundo zobugqirha
Izifundo zobugqirha
Izifundo eziphunyelelweyo zokwenza umsebenzi othile
Izidanga zokuqala zikazwelonke
Iidiploma zikaZwelonke
Imfundo eya Phambili noQeqesho (FETC)
Imfundo eya Phambili noQeqesho
Isatifiketi seMfundo Jikelele noQeqesho (GETC)
Ingaba uyakwazi ukuphucula izifundo eziphunyelelweyo ngeli xesha usengumqhubi wetekisi?
U-TETA unika ntoni enokundinceda ndiphucule izifundo endiziphumeleleyo?
Ukuba ubonisa ukubanakho angaqalisa indledlana emsa ngqo kumsebenzi awufunayo.
Kusenokungabikho mfuneko konke yokuba aphindele esikolweni kwaye anganeekhredithi ezininzi zezifundo zocwangciso-mali.
Umbuzo:
Ukufunda kokuqala kuthetha ntoni?
Yintoni uvavanyo?
Igama umthetho-siseko lithetha ntoni?
Ukuhlanganisa
Ufikelelo
Ukuphatheka
Le modyuli ifuna uqonde ukuba iGunya loMzantsi Afrika leZifundo Eziphunyelelweyo labakho njani, amaqumrhu namaqumrhwana angaphantsi kweGunya kwaye iyintoni imisebenzi yeli gunya.
Imodyuli iya kuthi kwakhona ngemisebenzi enikiweyo, ibonise ukuba iincwadi ezisetyenziswayo nezifundo eziphunyelelweyo ziphuhliswa njani kwanamanyathelo athatyathwayo ukuqinisekisa ukunikwa kweenkonzo ezisemgangathweni.
Kubonisa ukuwaqonda amaqumrhu neenkqubo ezenziweyo ukuqinisekisa ukuba kunikwa iinkqubo zezakhono ezisemgangathweni, izakhono avavanywa kuzo nezifundo eziphunyelelweyo
Kuhlalutya inkqubo eyiliweyo engumalathi-ndlela yoqeqesho lomqhubi ukuze uphonononge iinkqubo namanqaku omgangatho ezingene ekucingweni nasekwandlalweni kwenkqubo.
Kubonisa ukuyiqonda inkqubo ekuthe ngayo kwaphuhliswa ii-unit standards nezifundo eziphunyelelweyo ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imigangatho neenqobo zokugweba ezamkelekileyo.
UMTHETHO WEGUNYA LOMZANTSI AFRIKA LEZIFUNDO EZIPHUNYELELWEYO
KwiModyuli 6 siye sayiqonda into yokuba kwakutheni ze kubekho i-NQF. Asikhange sithethe ngokuba iya kulawulwa njani.
Injongo yoMthetho we-SAQA yayikukunika iGunya (umntu ongumqondisi-mthetho) eliza kuxhasa iinjongo ze-NQF, ezi zezi:
UMthetho ukwajongene nemiba enjengale:
Umgaqo-siseko weGunya
Apha kuthethwa ngeqela labantu abazingcaphephe kwiinkalo zabo zabakufundileyo kwaye abakhethwe yimibutho kazwelonke okanye abakhethwe nguMlawuli-Jikelele, iBhodi yoQeqesho kaZwelonke, umsebenzi wobungcali oqulunqiweyo wootitshala, iiTekhnikhoni neeYunivesithi, abasebenzi abaqulunqiweyo, kwakunye namalungu oonyulwe nguMphathiswa.
Imisebenzi yegosa elilawulayo
I-ofisi elawulayo iza :
a Kuba noxanduva kwigunya lokuba yenze imisebenzi yalo ngokwemigqaliselo yoMthetho b Kuhlola amagosa nabaqeshwa beGunya c Kuba ligosa lobalo-mali leGunya, iintlawulo zemali ezifunyenweyo, iintlawulo ezenziweyo nempahla ehambayo ethengwe liGunya
Akukho mfuneko yokuba sixoxe ngeenkcukacha zale mibandela elandelayo eyandlalwe kuMthetho.
Amandla eGunya
Iintlanganiso zaMagunya neekomiti
Ukuphuma e-ofisini kwamalungu eGunya
Iingxowa-mali zeGunya
Amagosa nabaqeshwa beGunya
Izibonelelo nemivuzo yamalungu eGunya neekomiti
Uphicotho nengxelo yonyaka
Imimiselo
Ulungiselelo lwexeshana ngokunxulumene namaqela akhoyo
Imisebenzi ijongene nendlela uMthetho ochaphazela ngayo::
Ukuqinisekisa umgangatho xa kufundiswa
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi: Imodyuli 7, Imisebenzi 1, 2 & 3
Umzobo okwiphepha elilandelayo uza kubonisa ubudlelwane bezigqeba ezenza inkqubo-sikhokelo yemfundo entsha.
UMthetho weGunya loMzantsi Afrika leZifundo Eziphunyelelweyo wowe-1995
Sebenzisa uluhlu lokuhlola olungezantsi ukhangele ukuba unakho na ukuphawula injongo yokwaziswa kwalo Mthetho.
Phawula ibhloko ocinga ukuba yefanelekileyo. Ungabhekisa kwiModyuli 7 okanye kuMTHETHO WE-SAQA
Ewe
Hayi
UMthetho ulungiselela uphuhliso nosungulo lweNkqubo-sikhokelo kaZwelonke yeZifundo Eziphunyelelweyo
UMthetho ulungiselela ukusekwa komntu ongumqondisi-mthetho obizwa ngokuiba liGunya loMzantsi Afrika leZifundo Eziphunyelelweyo
Igunya liya kucacisa lipapashe iinqobo zokugweba:
Zobhaliso lwamaqela anoxanduva lokuseka imigangatho kwimfundo noqeqesho okanye izifundo eziphunyelelweyo.
Lo msebenzi olandelayo wenzelwe ukuba uwaqonde amaqumrhu neenkqubo emaziqaliswe xa iinkalo zokufunda ziphuhliswa kwi-unit standards okanye kwizifundo eziphunyelelweyo.
Uya kusebenzisa amagama anikiweyo ukugqibezela umzobo okubonisa amanqanaba ekuyileni Iinkalo zeZifundo ezamkelekileyo.
UMBONELELI INKALO YESIFUNDO
YAMKELA /NIKA UQINISEKO
ABAVAVANYI BABAFUNDI NABONGAMELI BEEMVAVANYO
Umsebenzi : Uqeqesho lomqhubi
Ufuna ukwenza ikhosi yokuqhuba ngokuchubekileyo. Beka la manqanaba alandelayo ngendlela elandelelana kakuhle xa uza kwenza oko.
Kule modyuli siza kuphanda ukuba le Mithetho yenza njani ukuba uqeqesho nophuhliso lufumane ingxowa-mali kwindawo yomsebenzi.
Abaninzi kwabanebango kwishishini loThutho balwamkele uwiso-mthetho lophuhliso lwezakhono baze uphuhliso lwezakhono balwenza inxalenye yezicwangciso-qhinga zeshishini labo..
Siza kukhe sigqabaze ngemiba esemxholweni yale Mithetho ukuzama ukukunika umfanekiso wenkqubo ebandakanyekayo ekuphuhliseni izicwangciso zezakhono kwindawo yokusebenza kwaye nendlela umqeshi angazuza ngayo xa ethatha inxaxheba.
Kudwelisela abo banebango bahlukeneyo kwiinzuzo zalo Mthetho
Kudwelisa imisebenzi namanyathelo aza kuthathwa yi-TETA ukuqinisekisa ukuba isicwangciso secandelo sezakhono esikwinkqubo-sikhokelo yesicwangciso-qhinga sikaZwelonke soPhuhliso lweZakhono sisungulwe.
Kuxoxa ngeSicwangciso seZakhono seNdawo yokusebenza ukubonisa isidingo socwangciso oludibeneyo phakathi komqeshi nomqeshwa.
UMTHETHO WOPHUHLISO LWEZAKHONO
Iziphumo :
Kuxoxa ngeenjongo zalo Mthetho kwaye ulandele umkhondo wokuba zingazuzwa njani ezi iinjongo.
IINJONGO ZOMTHETHO
Ziya kuphunyezwa njani ezi njongo?
a Ngokuseka inkqubo-sikhokelo yeziko neyezemali b Ngokukhuthaza iindibaniselwano phakathi kwecandelo loqoqoqsho likawonke-wonke nelangasese ukuze linike imfundo noqeqesho kwindawo yokusebenza c Ngokusebenzisana ne-SAQA
Bhekisa kwincwadi yoMsebenzi: IModyuli 8, Umbuzo 1
Iziphumo :
Kuqonda indima yeGunya likaZwelonke leZakhono
Jonga kuMzobo ukuba i-NSA indawoni na kwisakhiwo xa sisonke (iphepha lokugqibela Isahluko 1)
Indima yeGunya likaZwelonke leZakhono :
a Ukucebisa uMphathiswa ngoku kulandelayo :
I umgaqo-nkqubo wophuhliso kazwelonke wophuhliso lwezakhono i isicwangciso-qhinga sikazwelonke sophuhliso lwezakhono ii izikhokelo ngosungulo lwesicwangciso-qhinga sikazwelonke sophuhliso lwezakhono iii ukwabiwa kwemali ephuma kwiNgxowa-mali kaZwelonke yeZakhono iv imimiselo emayenziwe b Ukunxibelelana ne-SETA ngoku kulandelayo:
i umgaqo-nkqubo kazwelonke wophuhliso lwezakhono ii isicwangciso-qhinga sikazwelonkle sophuhliso lwezakhono c Ukunika ingxelo kuMphathiswa ngenkqubela-phambili eyenziweyo kusungulo lwesicwangciso-qhinga d Ukuphanda nayiphi na imibandela engumvuka ngenxa yokusetyenziswa koMthetho e Ukusebenzisa amagunya okanye ukwenza imisebenzi njengoko yandlaliwe kuMthetho.
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi: Imodyuli 8, Umbuzo 2
Iziphumo :
Kule yunithi uya kukwazi oku:
a Ukuphuhlisa isicwangciso secandelo lezakhono ngokwenkqubo-sikhokelo ngokwesicwangciso-qhinga sikazwelonke sezakhono b Ukusungula isicwangciso sezakhono secandelo c Ukukhuthaza izifundo zexeshana elingephi d Ukubhalisa izivumelwano zezifundo zexeshana e Ukuqokelela nokuhambisa iirhafu zophuhliso lwezakhono kwicandelo f Ukunxibelelana neGunya likaZwelonke leZakhono g Ukunika ingxelo kuMlawuli Jikelele h Ukuqesha abasebenzi i Ukwenza nawuphi omnye umsebenzi oxelwe nguMthetho
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi : Imodyuli 8,Umbuzo 2
a Kwiirhafu zophuhliso lwezakhono eziqokelelwe kwicandelo layo jonga umzobo kwiphepha elilandelayo b Kwizibonelelo, iminikelo namafa c Kwingeniso yemisebenzi eyenziweyo d Kwingeniso ezuzwe kwimali eshiyekileyo kutyalo-mali njalo njalo
Imali efunyenwe yi-SETA ingasetyenziswa kuphela ngendlela emiselweyo kwaye ihlawule imisebenzi yayo kwaye kuhlawulelwe nolawulo ngokwendlela emisiweyo .
UKUKHUPHA IMALI YOPHUHLISO LWEZAKHONO
Ukuzama ukusungula uqeqesho lwezakhono kwindawo yokusebenza kwanokwenza lula umthwalo weendleko zoqeqesho kuqaliswe umxokelelwano werhafu ukukhuthaza imibutho ukuba ithathe inxaxheba.
Imibutho ukuze ibe yefanelekileyo kufuneka ibe neenqobo ezithile ezisisiseko ukuze intlawulo yezibonelelo ivunywe. Abasebenzi be-SETA xa bephonononga izicwangciso zezakhono kwiindawo yokusebenza baya kusebenzisa ezi nqobo .
ISIBONELELO SOCWANGCISO LWEZAKHONO KWINDAWO YOKUSEBENZA
I-TETA-SETA ingahlawula isibonelelo socwangciso lwezakhono kwindawo yokusebenza kumqeshi wonke obhalisileyo:
Obhalise uMququzeleli woPhuhliso lweZakhono owonyulwa ngokubonisana nabaqeshwa okanye abameli babo.
Onike i-SETA lonke ulwazi olusemxholweni ngokunxulumene noMququzeleli woPhuhliso lweZakhono kwifomu emiselweyo.
Ongenise isicwangciso sezakhono kwindawo yokusebenza ngomhla oxeliweyo yi-SETA esiqulethe oku kulandelayo:
Igama, iinkcukacha zoqhakamshelwano, idilesi yendawo yokuhlala nowona msebenzi ophambili wombutho.
Igama neenkcukacha ezipheleleyo zomququzeleli woPhuhliso lweZakhono.
Bonke abo baqeshiweyo noluhlu lonyaka lwabahlawulwayo lokuphela konyaka-mali odlulileyo
Oondoqo bonyaka bezakhono.
Abazuzi belifa abo baya kunikwa ezi zakhono
Ibali elifutshane ngabasebenzi ukuba umsebenzi wayengalingenisanga kunyaka odlulileyo .
Uvavanyo lwesikhewu sezakhono nezidingo zoqeqesho kumbutho.
Utyikityo olweziwa ngumntu ogunyazisiweyo kumbutho nakwi-SDF nommeli wabaqeshwa (lo wokugqibela usayina xa abasebenzi bengaphezulu kwama-50.)
Isibonelelo singalingana ne ?% yeerhafu ezihlawulwe ngumqeshi ngaloo nyaka-mali.
ISIBONELELO SOKUSUNGULA IZAKHONO KWINDAWO YOKUSEBENZA
I-TETA-SETA ingahlawula isibonelelo sosungulo lwesicwangciso lwezakhono kwindawo yokusebenza kumqeshi ngamnye:
Okulungeleyo ukufumana isibonelelo socwangciso sendawo yokusebenza
Ongenise ingxelo ngosungulo lwesicwangciso sezakhono sendawo yokusebenza esinolu lwazi lulandelayo:
Iinkcukacha zombutho nomququzeleli wophuhliso lwezakhono
Onike ingxelo ngeendlalifa zoqeqesho oluqhutyiweyo
Ubungqina bokuba oondoqo becandelo kuye kwajongwana nabo
Ubungqina bokuhambiselana noondoqo .
Iintsayino-magama zokugunyazisiweyo.
Isibonelelo singalingana ne . ?% seerhafu ezihlawulwa ngumqeshi ngaloo nyaka-mali.
IZIBONELELO EZIKHUTSHWA NGOKUSEBENZISA INGQIQO
I-TETA-SETA ingasebenzisa nayiphi irhafu yengeniso kuqukwa nemali engakhange ibangwe ngabaqeshi emalunga nezibonelelo zerhafu ize ibe zizibonelelo zokusebenzisa ingqiqo:
Izibonelelo zezifundo zexeshana - ITETA-SETA ingakhupha ama- 80% esi sibonelelo siye kwizibonelelo zabafundi kwiNkqubo yezifundo zexeshana.
Iziphumo:
Kujonga kwifomu yesivumelwano sezifundo kwaye uyiqonde injongo yokuqaliswa kwezifundo zexeshana.
UMthetho nezifundo zexeshana
UMthetho ujongene nomba wokuba kutheni kusekwe, kwabhaliswa kwaze kwalawulwa izifundo zexeshana kwaye yonke loo nto yenziwa njani.
Isifundo sexeshana siya kuqulatha isahlulo sokufunda esicwangcisiweyo kwaye siquka nomsebenzi omawenziwe omiswe ngohlobo oluthile kwanexesha oza kulithatha.
Isifundo sexeshana kufuneka sikhokelele kwizifundo eziphunyelelweyo ezibhaliswe yi-SAQA kwaye zinxulumane nomsebenzi.
Izivumelwano zezifundo zexeshana
Isivumelwano sesifundo sexeshana luxwebhu olubophelelayo ngokwasemthethweni phakathi ?
Komfundi
Umqeshi nomqeqeshi .
UMthetho uphinda ujongane :
neemvumelwano zengqesho nomfundi kwizintlu 18 & 18 
Bhekisa kwincwadi yomsebenzi: Imodyuli 8, Umbuzo 3
Esi silandelayo sisishwankathelo seminye imibandela enxulumene noMthetho esingazi kuyiphanda ngoku:
Isahluko 6: Amaziko kwiSebe lezeMisebenzi
Isahluko 7 : Ukukhupha imali yoPhuhliso lwezakhono
Isahluko 8: Ngokubanzi/ Jikelele
UMthetho woPhuhliso lweZakhono
Ngezantsi sisihwankathelo senkcazelo yoMthetho. Yifunde le nkcazelo ukuze wenze amagqabantshintshi ngengongoma nganye kwezi zilandelayo:
Xoxani kwiqela lakho ngale mibuzo elandelayo esekwe kwisishwankathelo nakulwazi olufunyanwa kwizahluko ezisemxholweni zoMthetho, ukuze nizame ukuphendula imibuzo elandelayo.
Sebenzisa ulwazi olukuMthetho phantsi kwezahluko esikwalathise kuzo.
Umbuzo 1: (jonga kwiSahluko 1)
Nika izizathu ezithathu ezenza kufaneleke ukuba kuphuhliswe izakhono kumkhosi wokusebenza waseMzantsi Afrika.
Dwelisa ezinye izizathu ezine ezibangele ukuba kuqaliswe lo Mthetho.
Umbuzo 2: (Isahluko 2 & 3)
Gcwalisa iibhloko ezingezantsi ubonise ubudlelwane phakathi kweGunya likaZwelonke leZakhono neSETA..
Yenza isishwankathelo semisebenzi yala maqela mabini.
Bonisa bonke abathathi-nxaxheba kwiqela esi sishwankathelo.
Umbuzo3 Izifundo zexeshana elingephi (Isahluko 4)
Yintoni isifundo sexeshana elingephi? ???????????????????.
Ingaba kukho izifundo zexeshana elingephi kuwishishini leetekisi?
Ukuba ngu-ewe ungafikelela njani kuzo ? ??????????
Ngawaphi amaqela amele ukusayina izivumelwano zezifundo zexeshana elingephi ?
Zintoni iinkqubo zezakhono? Funda inkcazelo iphepha 15 ukuze ubhale indlela elitolika ngayo iqela lakho 
Inkqubo yoqeqesho lwezakhono iyifumana njani imali? ????????????????????????????????????????????????????????????????????????
I-SETA iyifumana phi imali yokuhlawulela ezi nkqubo ? ( iphepha 19 Isahluko 7 Iyunithi 3 yeNcwadi )
Ngubani onoxanduva lokuzoba isicwangciso sezakhono kwindawo yokusebenza ? Jonga 3.4 Iyunithi 3 Isahluko 2 seNcwadi
Umbuzo 5
Khetha kuluhlu olunikwe ngezantsi imisebenzi namanyathelo amelwe kuthatyathwa yi-SETA ukuqinisekisa ukuba isicwangciso secandelo sezakhono kwinkqubo-sikhokelo yesicwangciso-qhinga sikazwelonke sophuhliso lwezakhono siyasungulwa.
Umzekelo;
Inyathelo
Ukusungula izicwangciso zezakhono zecandelo
Yabela abaqeshi izibonelelo
Inyathelo
Khuthaza izifundo zexeshana elifutshane
Phawula iindawo zokusebenza apho kuza kwenziwa khona oku
Inyathelo
Seka izifundo zexeshana elingephi
Ukwamkela izicwangciso zezakhono kwindawo yokusebenza
Ukuphawula iindawo zokusebenza apho kuza kwenziwa khona oku.
Ukuxhasa uphuhliso lwezixhobo okuza kufundwa ngazo
Umgaqo-nkqubo kazwelonke wezakhono
Isicwangciso-qhinga sikazwelonke sophuhliso lwezakhono
Ukwabela abaqeshi, ababoneleli bemfundo noqeqesho nabasebenzi izibonelelo ngendlela emiselweyo
Izicwangciso zezakhono zecandelo
Ukuphucula uququzelelo lokufunda
Ukubeka esweni imfundo noqeqesho kwicandelo
Ukuncedisa ekugqityezelweni kwezivumelwano zezifundo zexeshana elingephi
Ukuzoba iSicwangciso seZakhono kwiNdawo yokusebenza
Ubunkokeli kwiitekissi iindibano zokubonisana zamaphondo Ummiselo
Amagosa karhulumente Ukumamela amatyala nolawulo lomntu Ukwenza ngokwedemokhrasi
Ukucwangcisa
Uxhobiso loqoqo.
Inkunzi.shishini
Uqeqesho
PLTF (S22) Ukusekwa kweendawo zobhaliso/iiofisi
OLS (S24) Ukujikwa (Iimvume zelayisenisi yokusebenza)
